Owayesakuba ligosa lezobuntlola eFree State kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseBloemfontein namhlanje.
Isithethi sooKhetshe ephondweni uLieutenant-Colonel Zweli Mohobeleli uthi eli gosa lineminyaka engamashumi amane anesibhozo (48) ubudala lityholwa ngokuqhatha iSecret Services Account (SSA) imali engaphaya kwekhulu elinamanci mathathu lamawaka
(R130 000).
UMohobeleli uthi ooKhetshe babambe umrhanelwa eBotshabelo ngeCawe.
“Umrhanelwa wayelilungu le-CI yaseFreyistata eyabelwe i-Parkroad SAPS. Ngo-2022, watyholwa ngomgunyathi wokukhupha imali engaphezu kwe-R134 000 kwi-SSA,” utsho uMohobeleli.
Uthe lo mba waziswa kubaphandi beeHawks abathe basebenza ngoko nangoko baqokelela ubungqina kunye nencwadi egunyazisa ukuba abanjwe kamva.

