Inkosikazi yaseGqeberha, ekutyholwa ngokuba iqulunqe iyelenqe elinzulu lokubulala owayesakuba ngumyeni wayo, kuza kufuneka ilinde ixeshana ukuze ifumanise ukuba isibheno sayo kwinkundla ephakamileyo yesi sixeko, malunga nokwala kukaMantyi ukumnika ibheyile siphumelele na.
UEthel Noqekwa obekwe ityala lokubulala ugqirha Bantu Noqekwa, ufake isibheno kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha emva kokukhatywa kwebheyile yakhe kwinkundla yaseNew Brighton ngenyanga yeKhala.
UGqirha Noqekwa wadutyulwa wabulawa kwindawo yakhe eZwide, ngoMeyi.
Igqwetha likaNoqhekwa, uBongo Mvinjelwa, uze nesibheno ngelithi uMantyi uye wasilela ukuthathela ingqalelo iimfuno zomntwana wakhe omncinci kwaye wenze impazamo ngokufumanisa ukuba usengozini yokubhadula, kwaye unokuphazamisana namangqina karhulumente, omnye wabo ongunyana wakhe omdala.
Ngokoluvo lombheni, uMantyi wenze impazamo yokuba kwishedyuli yesi-6 yezicelo zebheyile, umbheni kulindeleke ukuba abonise ukuba akhona amathuba okuba agwetywe xa ityala lisiya enkundleni.
Baqhubeka bathi uMantyi usilele ukuthathela ingqalelo into yokuba uEthel akanalo ushicilelo lolwaphulo-mthetho okanye amatyala asamisiweyo, kwaye akazange ancamathisele nentsingiselo enkulu kwinkululeko yombheni, iimeko zakhe zobuqu, okanye ubunzima obubangelwe kusapho lwakhe ngenxa yokuqhubeka eluvalelweni.
Ummeli wombuso uVuyani Vaveki uthe umntwana kaEthel wayephethwe kakuhle zizalamane.
Uthe phambi kokubanjwa kwakhe, waye wamsa eMonti lo mntwana ngethuba kubhalwa iimviwo, engakhange axelele isikolo.
Ngokuphathelele uEthel uyingozi yokubaleka, uVaveki uthe wacima ifowni yakhe wemka engakhange afumane nomkhondo nto leyo eyabangela ukuba amapolisa agqibe kwelokuba ebezama ukubaleka.
Wavuma ukuba uEthel waye wadibana namapolisa izihlandlo ezithathu ezahlukeneyo ngaphambi kokubanjwa kwakhe.
Urhulumente uphinde wavuma ukuba akukho bungqina bokuba u-Ethel wazama ukuphembelela amangqina karhulumente, ngakumbi unyana wakhe.
Abo batyholwa kunye noEthel kwityala lokubulala, uSiyabulela Gcayiya, Andile Jongi, noAthule Mtyobile balahla izicelo zabo zebheyile.
Umgwebo ubekelwe bucala.