Owayesakuba ngunogada wosaziwayo ongasekhoyo, uAnwar Khan, kutyholwa ukuba ngoyena uxhamle kakhulu kuphango lweDyunivesithi yaseFort Hare, efumene imali engaphaya kwamashumi amathandathu ezigidi zeerandi (R60m) kwiinyanga ezintandathu ngokuthumela oonogada abahlanu.
IQela likaKhan iPentagon yenye yeenkampani ezisibhozo ekutyholwa ukuba zisemva kwesicwangciso esintsonkothileyo sokudala uloyiko eDyunivesithi ngokubandakanyeka kudubulo olubulalayo emva koko benze iithenda zokhuseleko ezingxamisekileyo zokusenga iziko.
Utyholwa ngokuhlawula abahlaseli ababulala uMboneli Vesele, unogada wesekela-ngqonyela (VC) uProf Sakhela Buhlungu.
UKhan ubephakathi kwabantu abalishumi elinesihlanu (15), abaquka abasebenzi basedyunivesithi, ababanjwe kwimpelaveki yePasika, ngenxa yonobangela wokuba eli ziko liphulukane nekhulu elinamashumi asixhenxe ananye ezigidi zeerandi (R171m) kwizenzo zobuqhophololo.
UKhan, nowaziwa ngokunikezela ngeenkonzo zokhuselo koosaziwayo balapha ekhaya nakwamanye amazwe, kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi yaseDimbaza eMpuma Koloni namhlanje umhla weshumi eli nesibini kuTshazimpunzi 2024,malunga nobuqhophololo obuphantse baqongqotha iipokotho zaledyunivesithi. Urhulumente uthe uzakusichasa isicelo sakhe sebheyile kunye nalowo atyholwa kunye naye uTerence Joubert.
Ngokwesimangalo, iPentagon Group yachongwa ngumlawuli wedyunivesithi yophando kunye novavanyo, u-Isaac Plaatjies, owadala iinkqubo zethenda ukuhambisa imali kubaboneleli beenkonzo abanxulumene naye ukuze axhamle.
Iqela iPantagon iye yafumana eyona mali ininzi elingana nezigidi ezingamashumi amathandathu anesibini namakhulu amathathu amawaka eerandi (R62,3m) ehlawulwe kuye kwiziqendu ezithandathu phakathi kweyeSilimela neyoMnga ngo-2022. I-Horizon ifumene izigidi ezingamashumi amathathu anesithathu namakhulu amathandathu amawaka eerandi (R33,6m) ilandelwa yi-BCHC eyenze izigidi ezingamashumi amane anesine namakhulu asixhenxe amawaka eerandi (R44,7m) kunye ne-EL Reign ekhuphe izigidi ezilishumi namakhulu amahlanu amawaka eerandi (R10,5m).
“Ukuqukunjelwa kwezi mvumelwano zethenda kwandulelwa zizenzo zobundlobongela e-UFH. Ngomhla weshumi elinesixhenxe kweyoKwindla 2022, uProf Buhlungu, usekela-tshansela, uProf Vithal, usekela kasekela-tshansela kunye noMboneli Vesele, unogada wkasekela-tshansela, badutyulwa ngumntu ongaziwayo. Kwlandela olunye udubulo kufutshane nendlu kaNozuko Mabombo (umtyholwa wesixhenxe) kuTshazimounzi 2022. Esi siganeko kamva sachongwa njengeqhinga lokudala unxunguphalo edyunivesithi,” sifundeka njalo isimangalo.
“Ekuqaleni kweyoMqungu ngo-2023, uVesele wabulawa sisichotho seembumbulu. Kunika umdla ke ukuqaphela ukuba aba badubulayo baye babona uVesele ethatha usekela-tshansela emsa eBhayi kwaye bakhetha ukulinda ixesha elide ukuze bambulale xa ebuya ngorhatya.”
Ngokwelu xwebhu, igosa eliyintloko lezemali kule yunivesithi livakalise inkxalabo yalo malunga nababoneleli-nkonzo abahlawulwa imali engaphezulu kwesigidi seerandi ngaphandle kweekontraka.
“Ngethuba uVesele eqeshelwe ukugada usekela-tshansela wayephatha idayari kasekela-tshansela, engavumeli mntu ukuba ayibone. UPlaitjies ukhale ngale nto kuba ebeyintloko yesebe elijongene neenkonzo zokhuseleko. UVesele wayenesihogo sokuba iPentagon ayidingeki ukuba igade usekela-yshansela, ”ufunde olo xwebhu.
Siyakholwa Vuso