Avele kwinkundla kamantyi amapolisa amathathu ngezityholo zokuzaba ngumqobo endleleni yobulungisa

Amapolisa amathathu aseJeffreys Bay avele kwinkundla kamantyi yaseHumansdorp ngoLwesine umhla weshumi elinanye (11) kuTshazimpunzi ngezityholo zokoyisa ubulungisa.

Abatyholwa nguSajini uMveleli Ncana, uLulamile Mshweshwe, kunye noSamantha Prinsloo. Ukanti isityholo sabo siphathelele ukubanjwa kunye nokukhululwa kwegqwetha laseJeffreys Bay uDieter Brandstetter ngomhla wesithathu (-3) kweyoMqungu kulo nyaka uphelileyo.

UBrandstetter wanikelwa emapoliseni emva kokuba kufunyenwe iziyobisi kuye. Oonogada bodederhu lweevenkile eJeffrey’s Bay bafowunela amapolisa bewaxelela ukuba uBrandstetter utyholwa ngokuba usebenzise iziyobisi kule ndawo.

Kutyholwa ukuba uBrandstetter wasiwa kwisikhululo samapolisa kodwa wakhululwa engakhange abekwe tyala. Kungekudala emva kokukhululwa kwakhe, kutyholwa ukuba wagila umfundisi-ntsapho wasekuhlaleni ngemoto yakhe.

UDimitreau Bosman Domingon, oneminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo (58) ubudala, wasweleka ngenxa yale ngozi.

Ukuziphatha kwamapolisa phambi kokuba kwenzeke ingozi kube yinxalenye yophando oluthathe unyaka wonke licandelo lamapolisa lokuLwa uRhwaphilizo phambi kokuba babanjwe babekwe ityala kwinyanga ephelileyo.

NgoLwesine umhla weshumi elinanye (11) kuTshazimpunzi, ityala lihlehlisiwe kuba uNcana noMshweshwe bebengekagqibi ukuthetha-thethana namagqwetha abo azakubamela ngokusemthethweni.

UPrinsloo umelwe liGqwetha lezoKhuselo uJason Thysse. Abamangalelwa, bonke bangaphandle ngebheyile ye-R500 umntu emnye, bazakuvela kwakhona enkundleni ngomhla wesibini (2) kuCanzibe.

Bonke abatyholwa basaxelenga kwinkonzo yesipolisa ngelixa uphando lwangaphakathi lusaqhubeka.

UBrandstetter ubekwe ityala lokubulala, ukuqhuba ephantsi kweempembelelo zotywala, nokuqhuba ngokungakhathali. Uzakuvela kwakhona enkundleni ngomhla wesibhozo (8) kuCanzibe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA