Owayesakuba nguSekela Mongameli uPhumzile Mlambo-Ngcuka umemelele onke amadoda oMzantsi Afrika ukuba athathe amanyathelo achasene nobundlobongela obusekelwe kwisini. UMlambo-Ngcuka ebethetha kumngcwabo wosaziwayo uThembekile Letlape eBryanston, kumantla eRhawuti.
ULetlape, owayesaziwa njenge “Pastry Princess,” usweleke kwiveki ephelileyo. Umzimba wakhe ufunyenwe ngoLwesine weveki ephelileyo kwindlu yeqabane lakhe.
UMlambo-Ngcuka uthi uMzantsi Afrika awunakuqhuba neli zinga lobundlobongela obujoliswe kumanina.
Wongeze ngelithi ucela ukuba amadoda aseMzantsi Afrika ayithathele ingqalelo le nto, kuba kaloku yingxaki yabo le. Ubundlobongela bamadoda ngakubafazi ngumba wamadoda. Kwaye amadoda xa ethatha isigqibo sokuba soze abethe mntu, kuya kuba kukuphela kwebali. Ngoko sibongoza wonke umntu ukuba enze oko anako. Akwanelanga ukuba yindoda elungileyo, kodwa ungabi ngumenzi wobubi.
Kusenjalo, ityala likaLetlape otyholwa ngokubulala uSibusiso Zitha oneminyaka engamashumi amane (40) ubudala lihlehliselwe uLwesine weveki ezayo kwinkundla kamantyi yaseRandburg eRhawutini.
UZitha ujongene netyala lokubulala. Uzinikele emapoliseni kwimpelaveki ephelileyo emva kokuba ebaleke iintsuku eziliqela.
Kubanjwe nabanye abantu ababini malunga nokubulawa kukaLetlape.
By Anita Qubula.

