By Asipile Kitchen.
IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) sisichase ngempumelelo isicelo sebheyile sikaZanoxolo Disemba oneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) noSinethemba Nanana oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35), abajongene namatyala okubulala, ukuzama ukubulala nobuqhophololo obuneemeko ezimanyumnyezi.
La matyala asukela kwisiganeko esenzeke ngomhla weshumi elinesithathu (13) kweyeNkanga 2024 malunga nentsimbi yokuqala (13:00) eWalmer, eGqeberha.
Kutyholwa ukuba esi sibini sadubula kwaye sabulala uDumisani Yona oneminyaka ngamashumi amane anesithathu (43), ilanga lihlabe umhlaba ngelixa wayesanga umntana wesikolo oyintombazana phakathi esitalatweni. UYona wayengumqhubi weteksi naye ekutyholwa ngokuba wayeqokelela imali yokhuseleko. Esi sehlo sathathwa yikhamera yeCCTV kwindawo ekufitshane.
Ngokwengxelo yamangqina okuzibonela kunye nevidiyo, emva kokudutyulwa kukaYona, bawa phantsi bobabini nomntwana wesikolo. Emva koko abarhanelwa bamgqogqa uYona, bathatha iselula yakhe baze babaleka kwindawo yexhwayelo. Umntwana wesikolo ebengenawo nomkrwelo kwaye wabaleka kule ndawo ngenxa yomothuko.
UDisemba wabanjwa ngomhla wesibhozo (08) kuTshazimpuzi 2025 eWalmer, ngelixa uNanana wabanjwa ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kuCanzibe 2025 eKenton-on-Sea. UDisemba unetyala elimlindileyo lodlwengulo apho waye wafumana incwadi egunyazisa ukuba abanjwe ngenxa yokubaleka ityala. UNanana naye unomba olindileyo wokuba nompu ongekho semthethweni.
Ngexesha letyala lebheyile, uMtshutshisi weNkundla yeSithili uAsavela Vika waxoxa ngelithi ibheyile kufuneka yaliwe ngenxa yobuzaza betyala, inyaniso yokuba ukubulawa kwenzeke kwindawo kawonke-wonke kwaye kubandakanye umntwana, kunye nenkxalabo yokuba umtyholwa akanazo iidilesi ezisisigxina, nto leyo eyenza kubenzima ukumlandela.
Ukwathe babeka umngcipheko wokubhabha, banokwenza ulwaphulo-mthetho olungaphaya, kwaye bayingozi kuluntu kunye nakubo ngokwabo, njengoko kutyholwa ngokubandakanyeka kwabo neqela elikhuphisanayo beqokelela imali yokhuseleko. Inkundla ivumelene notshutshiso kwaye yayala ibheyile.
Ityala limiselwe umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeThupha 2025 kuzokwenziwa uphando oluthe kratya, kuquka nokungeniswa kwengxelo zohlola lwembumbulu kunye nompu.

