19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Silindele ukubukela umdlalo onzima namhlanje phakathi kweSundows neeStellenbosch eTshwane kwiMTN8.

Kuqubisana ebezikade zizondana namhlanje ePitoli xa iStellenbosch sizakube sivavanya ubunganga beSundowns.

Ngobubusuku banamhlanje ngentsimbi yesixhenxe (19h00) iMamelodi Sundowns ithathana neqela iStellenbosch FC ePitoli njengabahlinzeki kulomdlalo kumabala iLucas Moripe kwiMTN8.

Umqeqeshi omtsha nongamtshanga ncam kweliqela leMamelodi Sundowns uManqoba Mngqithi nosebenze kakhulu nababesakuba ngabaqeqeshi beliqela uPitso Mosimane noRhulani Mokwena uzimisele ukuyiphumelela lendebe yokuqala (1) kulesizini.

Ukhumbule ukuba lendebe yaphunyelelwa yiOrlando Pirates kwisizini edlulileyo. UMgqithi nangona amaphaphu ephezulu kwinkampu yakhe ngalendebe kodwa ngokutsho kwakhe ebenokuthanda ukuba aqale ekuhambeni agqibelise ngokudlala ekhaya kulemilenze mibini (2).

Lo udlalwayo ngumlenze wokuqala, kanti owesibini uzakuba seKapa. UMngqithi ulumkise iStellies ukuba ingaphaphi ngenxa yempumelelo yayo yabumini ifane namanye amaqela enze lompazamo kwixesha elidlulileyo.

UMngqithi uthi nangona iStellies siphulukene nabadlali abaphambili nabagqamileyo ukuquka uRayners lo utyikitywe yiSundowns kodwa lisaqinile eliqela kakhulu.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks