23.5 C
King William's Town
Wednesday, September 4, 2024

IiNkosi zaseDutywa zikhokela indlela yophuhliso loluntu kunye nokwazisa ngeMozulu.

Amalinge eDTL Foundation ajongana nentswela-ngqesho, ukhuseleko lokutya, kunye noTshintsho lweMozulu ukuze kubekho ikamva eliqaqambileyo eDutywa.

Umbutho iDutywa Traditional Leaders Foundation (DTL) ekhokelwa nguManejala uMnumzana Sabelo Dumezweni, wenza indim ebonakalayo ekuphuculeni impilo yabahlali baseDutywa nakwiilali ezingqongileyo. Lo mbutho ongajonganga ngeniso osekwe ngo-2024 ziiNkosi zaseDutywa, uzibophelele ekuphuhliseni le ndawo nokuqinisekisa indawo ekhuselekileyo kubo bonke abahlali bakhona.

Umnumzana Dumezweni ubethelele ukubaluleka kweenzame zesiseko zokuvuselela iziseko ezingundoqo zasekuhlaleni kunye nezolimo.

“Sifuna ukwakha ngokutsha iindlela zethu sivuselele ulimo kwezingingqi,,” utshilo.

“Uninzi lwabantu bethu abaphangeli, neendleko zokuphila zixhomile, ngokugxila kwiiprojekthi zokulima, singakwazi ukubonelela ngokhuseleko lokutya kwaye sinciphise umzabalazo wokufikelela kwiimfuno ezingundoqo, ithemba nokubagcina bekude nemikhwa eyonakalisayo efana nokusetyenziswa kakubi kweziyobisi notywala, nto leyo edla ngokukhokelela kubundlobongela obusekelwe kwisini.”

Ukongeza kwiziseko ezingundoqo kunye nezolimo, i-DTL Foundation ikwabandakanyeka kwimveliso yoboya.

“Sivelisa uboya ngeegusha esizifuyayo singabahlali neenkosi, eli phulo alixhasi nje uluntu lwethu kodwa likwanegalelo kuqoqosho lweli,” wongeze watsho uDumezweni. Isiseko sikwasebenza kucwangciso olu lodwa kunye neeprojekthi zolawulo lwenkunkuma ngenkxaso evela kwiSithili sase-Amathole kunye noMasipala waseMbhashe.

Ngomhla weshumi elinesithoba kweyeThupha ngo2024, uMnumzana Buyile Siyongwana weSmart Rural Development, ebambisene neClimate Change Solutions, badibene neeNkosi zaseDutywa kushukuxwa umba ongxamisekileyo wokutshintsha kwemozulu nefuthe elinokubakho eluntwini.

“Silapha ukuza kwazisa umba wokuguquguquka kwemozulu kwiinkosi nakubantu baseDutywa,” uthethe watsho uSiyongwana.

“Ukutshintsha kwemozulu kuchaphazela ngaphezu kwemozulu kuphela, kukwabeka emngciphekweni ubomi babo baxhomekeke ekufuyeni, uluntu ngotshintsho lwemozulu, singabanceda bakhusele okusingqongileyo kwaye bakhusele ikamva labo. ”

Iinkosi zawamkela ngezandla ezishushu umyalezo kaMnumzana Siyongwana zaza zaqhuba ingxoxo enentsingiselo ngalo mxholo. UNkosi uZweliyazuza Ntlokwendala uvakalise inkxaso yakhe kweli phulo esithi, “Olu ngenelelo luzakunceda kakhulu uluntu lwethu, kubalulekile ukuba sihlale sinolwazi malunga nemiba efana nokutshintsha kwemozulu, nto leyo enokuba nefuthe elibi kwimpilo yethu. Njengeziko leDTL sinayo esele iqalile iprojekthi yokuvelisa uboya obusuka kubufama bethu beegusha, ngoko ke ukuqonda utshintsho lwemozulu kubalulekile kwimpumelelo yethu.”

Ngokusebenzisa indlela yabo yokuphuhlisa nokwazisa ngendalo esingqongileyo, iDutywa Traditional Leaders Foundation ivula indlela yekamva eliqaqambileyo nelizinzileyo ledolphu iDutywa nabahlali bayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
23.5 ° C
23.5 °
23.5 °
40 %
1.4kmh
100 %
Wed
26 °
Thu
14 °
Fri
16 °
Sat
18 °
Sun
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks