20.1 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Sirhoxisiwe isiphakamiso sokonyuswa kweRhafu yentengo i-VAT.

Emva “kothethwano olubanzi,” uMphathiswa wezeMali uyasirhoxisa isiphakamiso sokunyuswa kwe-VAT, elumkisa ngokusilela kwengeniso yeebhiliyoni ezingama-R75 kunye nesifungo sohlengahlengiso lwenkcitho ukukhusela uzinzo lwemali.

UMphathiswa wezeziMali ubhengeze ukuba urhulumente *“uzakuyigcina iRhafu yeNtengo (i-VAT) ikwipesenti ezili-15 ukusuka ngomhla wokuqala (1) kuCanzibe ka-2025,”* eyeka ukonyuka obekucetywa okokuqala kuHlahlo-lwabiwo-mali ngenyanga yeKwindla.

“Isigqibo sokurhoxa kunyuso silandela uthethathethwano olubanzi namaqela ezopolitiko, kunye nokuqwalaselwa ngenyameko kweengcebiso zeekomiti zepalamente,” iSebe lezeMali latsho kwingxelo yeendaba ekhutshwe nge-24 kuTshazimpuzi 2025.

Ngokukhetha ukunganyusi iRhafu-ntengo, uNondyebo ulumkise ngelithi ingeniso eqikelelweyo iya kusilela malunga ne-R75 yebhiliyoni kwixesha eliphakathi. Ngenxa yoko, uMphathiswa ubhalele uSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho ukuba awurhoxise yomibini imiMthetho eYilwayo yoLwabiwo-mali kunye noMthetho osaYilwayo woLwahlulo lweNgeniso, ukuze kwenziwe isindululo sohlengahlengiso lwenkcitho ukuhlangabezana nale ntsilelo kwingeniso.

IPalamente iza kucelwa ukuba “ilungise inkcitho ngendlela eqinisekisa ukuba ilahleko yengeniso ayilonakalisi uzinzo lwemali yoMzantsi Afrika.” Okwangoku, nayiphi na ingeniso eyongezelelweyo eqokelelwa yi-SARS inokujoliswa kwakhona ukuze kuthintelwe uhlengahlengiso lwenkcitho olungenakuthintelwa ukuya phambili.

Ingxelo yaphinda yaphawula ukuba isindululo sokuqala sokunyuswa kwe-VAT siqhutywa yimfuno engxamisekileyo yokubuyisela kunye nokuphinda kuhlaziywe inkxaso-mali yeenkonzo eziphambili eziye zafumana ukuthotywa okuyimfuneko ngenxa yobume bemali obunyanzelwayo belizwe.

Nangona kunjalo, uNondyebo uvumile ukuba nangona kukho iingcebiso ezahlukeneyo zokunyusa ingeniso, “ezinye zazo zinokudala iziphumo ezibi kakhulu ekukhuleni nasekuqeshweni kwaye ezinye zazo, nangona kufanelekile, azinakubonelela ngendlela ekhawulezileyo yengeniso eyongezelelekileyo kwixesha elifutshane ukuze kuthathelwe indawo ukonyuswa kweVAT.”

Ezi kunye nezinye izindululo ziya kuqwalaselwa njengezilungiso ezinokubakho kuhlahlo lwabiwo-mali lwexesha elizayo.

I-Ofisi yoMphathiswa wezeziMali iqukumbele ngokuqinisekisa ukuba “ilindele ukwazisa inguqulelo ehlaziyiweyo ye-Appropriation Bill and Division of Revenue Bill kwiiveki ezimbalwa ezizayo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
25 %
1.8kmh
26 %
Mon
22 °
Tue
25 °
Wed
30 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks