22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

IKhuphe iCwecwe elitsha imvumi yoMculo woKholo.

By Inga Mkalali.

U-Ziyanda Tshangana oyinzalelwana yaseTsomo kwiphondo iMpuma Kapa ukhuphe iCwecwe lakhe elitsha neligama lingu “Seek Ye First the Kingdom of God” (Funa kuqala ubukumkani bukaThixo). Eli Cwecwe liqulethe ingoma ezilishumi elinesibini kuquka ingoma ethi “Ulihlathi lethu Thixo” nefike yachukumisa intliziyo nezazela zabaninzi loo nto ke ikhokhelele ekubeni itshotshe entla le ngoma nje ngengoma ethandwayo nephulaphulwe kakhulu kumaqonga okuphulaphula umculo ngenyanga yeDwarha yonyaka ophelileyo (2024).

Kwezinye ingoma zelicwecwe uZiyanda usebenze neemvumi ezidumileyo, phakathi iyimvumi edumileyo kwihlabathi liphela, uBetusile Mcinga, uPutuma Tiso kunye noSindi Ntombela.

UZiyanda uqale ukucula eselula kakhulu ecaweni kwaye ebutsheni bakhe ebedla ngokuthatha inxaxheba kukhuphiswano lokucula. Ushicilelo lwevidiyo awayemana ukuzixhoma kumakhasi onxibelelwano ecula edumisa uThixo zamgqamisa zimqaqambisa kakhulu kwaye zaxhwila umxhelo wabantu abaninzi.

Ngo-2021 lo mlonjikazi wabanethamsanqa lokuwongwa ngembasa ye-Best iTende Song kwimbasa zomculo wokholo i-SABC Crown Gospel Music Awards.

“Injongo yelicwecwe kukudumisa nokunika uThixo uzuko kwaye ingoma esondeleyo kum nendiphilisayo ngu-uFanelwe kuba ndiye ndachukunyiswa ngumoya oyingcwele phambi kokuba ndizondlale kuThixo ndibhale le ngoma, kwaye lo nto yandibonisa ukubaluleka kokumbulela nokumdumisa uThixo ngokunyanisekileyo kuba sisoloko sicela kodwa aside simbulele ngezinto asenzela zona” utshilo uZiyanda.

“Imiqobo ebendijongene nayo nebifuna ukunditheza amandla kukungabikho kwemali nokungakwazi ukuphumelela kwezinye iimvumi endandizilindele kushicilelo lweli cwecwe kodwa ndiyambulela uThixo ngabantu bonke abaye banikela bengajonganga mbuyekezo koko belandela intliziyo zabo.

Abantu ndingathanda ukubashiya nelizwi elithi funani kengoko tanci ubukumkani bukaThixo, zonke izinto ziyakongezelwa kuni”.

U-Ziyanda uthi abantu mabalindele uchungechunge lwengoma ye-EBMQ ayinxalenye yayo ezakuphuma kungekudala kwaye injongo zakhe ngoku kukundwendwela iidolophu eziliqela ezifana neMonti, iKapa kunye neQonce, egqamisa elicwecwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks