By Thembelani Nqaba.
Abafundi bamabanga aphantsi besikolo iLangelitsha kwaN.U 2 eMdantsane basebenze kwacaca kumdlalo wabo weBhola yoMnyazi! Ngosuku lwangomhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyeSilimela 2025, bebenikwa imbeko nentlonipho kanye emasangweni esikolo sabo ngabanye abafundi kunye nabahlali balengingqi.
Ngenxa yexesha ababuye ngalo ngoLwesihlanu abakhange bakwazi ukubuyela esikolweni bawongwe ngeembasa zabo.
Emva kokukhupha izikolo ezingontanga zihlanjiwe kuMasipala iBuffalo City (BCM), bebeyokumela isithili seBCM iphela eKomani, kwaye nalapho babuye bethwele isithsaba sempumelelo.

Ngenyanga yeSilimela, umhla weshumi elinesibini (12) kweyeSilimela 2025, emva kokuwongwa nje ngamaqhawe eBCM, baye bayokudlala eKomani apho baphinde bagqama ngokumangalisa.
Isikolo samaBanga aPhantsi iLangelitsha, ngoku ilungiselela imidlalo yenqanaba eliphakamileyo kwiphondo laseLimpompo apho bazakube bemele iMpuma Koloni kwitumente kazwelonke kwaye kulindeleke kwakhona babuye nempumelelo.
Isikolo sicela inkxaso nakubani na onokuthi akwazi ukuncedisa ukwenza uhambo lwabantwana lube yimpumelelo, akhawuleze andwendwele isikolo azokufumana zonke iinkcukhaca neendlela zokuncedisa.

“Ezi zinkwenkwezi zeAfrika! Le yimbali engasoze icime. Singabazali siyazingca kwaye sinelunda ngembali entle eqalwe yiLangelitsha kulonyaka. Siyabulela kwangetsebenziswano esinayo kuNqununu, ootishala, kunye nabancedisi bexeshana. Le mpumelelo yeyethu sonke!” utshilo umzali ongafunanga kubizwa ngagama.
Sithi halala kubafundi, ootitshala, abazali, nalo lonke uluntu lwaseMdantsane kwaN.U 2.

