Azakubekwa kwikhaya lawo lokugqibela Ngomvulo uMhla wokuqala (1) ku April amakhwenkwana amabini, abhubhe emva kokufuthaniseleka kwityesi yentsimbi kwikhaya lomnye wabo eLibode kweliphondo leMpuma Koloni.
UMkomishinala wesithili saseOR Tambo uNjengele Phumzile Cetyana uvakalise umvandedwa ngokusweleka ngesiquphe kwezimveku uKonke Nobhokisi (5) nommelwane wakhe uInikile Mbuyazwe (6) ababhubhele kwingingqi yaseGebane eLibode ngoLwesine, umhla wamashumi amabini ananye (21) kweyoKwindla.
UCetyane ubongoza bonke abazali nabagcini babantwana ukuba bahlale bethe qwa kwaye bawuthathele ingqalelo umdla wokwazi ukuba msulwa kwabantwana. “Kukwindalo yabo ukubhadula nokudlala kodwa luxanduva lwethu njengabantu abadala ukuqinisekisa ukhuseleko lwabo ngamaxesha onke. Sicela abazali nabagcini babantwana ukuba bajonge iindlela zokhuseleko kumakhaya abo, kuquka nokukhusela iindawo ezinokuba yingozi kwaye babeke iliso ebantwaneni, ngakumbi xa bedlala,” utshilo uCetyana.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu, uthi uphando lwangaphambili lubonisa ukuba ngentsimbi yesibini (2), umama ka Konke ebeshiye esisibini nosisi ka Konke oneminyaka engamashumi amabini (20) ubudala.
Uthe xa ebuyela ekhayeni ngentsimbi yesine (16:00) malanga, akababonanga abantwana ze wababuza.
“Kuye kwaqaliswa ugqogqo, malunga nentsimbi yesihlanu (17:00) bafunyenwe sele bebanda kwitranki yentsimbi. Nangona iimeko zisephantsi kophando, kurhaneleka ukuba isiciko siye savaleka besokungena ngaphakathi etrankini,” utshilo uNaidu.
UNaidu uqinisekise ukuba kuvulwe idokethi lophando.