Amapolisa eGqherha aphanda ngamatyala amabini okuzama ukubulala emva kokuba abahlali behlasele amadoda amabini, eSidwell. Oku kwenzeke ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kule yeNkwindla, 2024.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthe i-SAPS e-Algoa Park bafumene ingxelo kumhlali ekhalaza ngendlela esi sibini besihlaselwa ngayo nagabahlali kwindlela i-Kempton ngoLwesibini emva kwemini.
Uthe ekufikeni kwabo bafike omnye walamxhoba sele Utsho ekufikeni kwexhoba yesibini sele ethuthelwe esibhedlele.
UKaptain Janse van Rensburg uthe okwa ngoku ayikacaci ukuba ngubani ohlasele lamadoda. Kodwa ngokonolwazi abalufumeneyo, esi sibini sityholwa ngokuzama ukuphanga ilungu loluntu ngexa behlaselwa.
Uthe, nangona kunjalo, akukavulwa tyala.
Ushicilelo lwevidiyo yesisiganeko belityhutyha kumakhasi onxibelelwano ngoLwesini.
By *Siyakholwa* *Vuso*