20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Tyelela iphondo leMpuma Koloni ubone ubuhle nobuncwane balo.

*TYELELA IPHONDO LEMPUMA-KAPA, UXHAMLE KUBUHLE NOBUNCWANE BALO*

Ukuba ubani angazinika ithuba lokutyala kukhenketho lweliphondo le Mpuma-Kapa, kuninzi anokufumana kwaye akonwabele ngokummandla.
Oku, kungqinwa ziintatheli ezithe zafumana ithuba lokukhenketha kunye ne Arhente yezokhenketho I Eastern Cape Parks & Tourism Agency (ECPTA) kwingingqi yaseAmathole kulempelaveki.

Le arhente ithe gqolo ukuphuhlisa icandelo lookhenketho ephondweni, kwaye kuphehlelelo lokhenketho kulonyaka Ka 2023 – lenkqubo ihlanganiswe nokubhiyozelwa kwenkosi uJongisobomvu Maqoma.

*Ziintoni onokuzonwabela ngeliphondo leMpuma- Kapa*??
– Kukundwendwela indawo yamangcwaba ekwidolophu yaseQonce- King William’s Town, esisikhumbuzo sokubhubha kwamakhulu-khulu abantu besizwe sakwaMaxhosa, bebulawa yindlala emva kwesiprofeto esaziswa nguNongqawuse (sisuka kwimimoya awayedibana nayo kwiNtlambo kaNongqawuse) sokuba kubulawe iinkomo ukuze kuzokukuvuka abafileyo kwande nemfuyo yabo.

– Kukufumana ibali kushicilelo olukwi Dimbaza Wall of Fame, nekwidolophu yaseDimbaza. Le, yenye yeembali zabantu beliphondo leMpuma-Kapa, phantsi kwengingqi iAmathole. Kukwalapho kukho amangcwaba enkitha yabantwana, ababebulawa kukutya okungenasondlo.

– Yimbali etyebileyo, necacileyo ngoChief Jongimsobomvu Maqoma, owayeyintshatsheli eyalwa kakhulu kwiimfazwe ezaziwa ngokuba zi 9 Frontier Wars, nezaziliwa nemikhosi yamaNgesi, ngexesha logonyamelo lobukoloniyali bama – Britani eAfrika.

Ingcwaba lakhe liyafumaneka kwiNtaba kaNdoda kwakwidolophu iDimbaza kweliphondo leMpuma- Kapa

-Kukhenketho lwephondo, ungaphumla eKatberg Mountain Resort Hotel kwindawo yaseBalfour neyenye yendawo ezisengangathweni zokuhlala, kwaye ibalelwa kwenye ye Golf -Course ezikwinqanaba eliphezulu kwilizwe jikelele.

– Ukufumana amava okuhlala kwindawo ezolileyo, ebonisa ubuhle bendalo kuphela, ungatyelela eAmakhala Safari Lodge. Apho ufumana ukwamkeleka kudidi oluphezulu, abasebenzi abazingca ngokukhathelela abakhenkethi, amagumbi akwinqanaba elikhekeleyo, ukutya okuncamisayo ngencasa kwanethuba lokubona izilwanyana ezahlukeneyo kwi Game Reserve yabo.

– Ngakumlambo iGrinika, ungcamla kumava olonwabo lwelokishi, oluququzelelwa yinzalelwane yaseMdantsane.
Kolutyelelo uxhamla kwithuba lokuhamba intaba nelokukhwela inqanawa kwidama iGrinika.

– I Monti Tours, yinkampani egunyazisiweyo kwezokhenketho nethembakeleyo ukuthatha ikujikelezise kwiindawo zokhenkhetho kweli leMpuma-Kapa.


Kulo unyaka Ka 2023, I Arhente yezokhenketho (ECPTA) iphehlelele leenyanga yokhenketho, eFord Fordyce Nature Reserve, enembali yempumelelo yesizwe samaXhosa, awayelwela isidima nokuqondwa kwesizwe sawo.

#Fall_inlove_with_Eastern Cape
#ECYours2Explore

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks