IBRICKS izise inzuzo kweli loMzantsi Afrika ingakumbi kuqoqosho.

Umongameli uCyril Ramaphosa uthi ubulungu boMzantsi Afrika kwiqela leBRICS buzise inzuzo enkulu kweli lizwe. Uthi iza kunceda ekuphunyezweni kwesiCwangciso sokubuyisa uqoqosho.

Uthi urhwebo loMzantsi Afrika namaqabane awo eBRICS lunyuke ngomyinge we-10 leepesenti minyaka le ukusuka kunyaka ka-2017 ukuya kutsho ku-2021. Urhwebo lulonke namanye amahlakani eBRICS lufikelele kwi-R830-bhiliyoni ngo-2022, nto leyo inyuke ngeepesenti ezingama-70 ukusukela ngonyaka ka 2017.

Umongameli Ramaphosa uthi I-BRICS ngoko ke ngumthombo obalulekileyo kweli wotyalo-mali oluthe ngqo lwangaphandle kwimimandla ephambili efana nemigodi, ukuthuthwa kweemoto amandla acocekileyo, iinkonzo zemali, i-IT, unxibelelwano kunye nezinye iindawo ezininzi.

Ulebele ngelithi ezi projekthi zotyalo-mali zizisa ukudalwa kwemisebenzi ebalulekileyo kwaye oko bakubonile kwilizwe liphela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA