26.4 C
King William's Town
Sunday, July 20, 2025

U-Eskom ubonakalisa ukuphucuka kokusebenza okuzinzileyo – utsho uMphathiswa woMbane

UMphathiswa wezoMbane, uGqirha Kgosientsho Ramokgopa uthi izinto zikhangeleka ziqaqambile ukusukela oko kuqinisiwe izicwangciso zokulungiswa kombane kwa-Eskom.

URamokgopa uthethe ngokufezekiswa kwesiCwangciso sokuSebenza saMandla ngoMvulo.

“Siye sajika, nangona singekaphumi ehlathini okwangoku. Siqala ukubonisa ukusebenza okuphuculweyo ixesha elide kwaye ezi ziindaba ezimnandi kuba sisiqinisekiso kunye nokuqinisekisa umsebenzi owenziwe liqela lakwa Eskom.”

Ukusebenza kakuhle kuka-Eskom kubangele ukuba kunqunyanyiswe ukucinywa kombane ngempelaveki kunye namanqanaba asezantsi kakhulu okucinywa kombane okucetyiweyo kule veki.

U-Ramokgopa ukwakhankanye ukuba ingxaki yamandla elizwe iyaqala ukubonisa ukusebenza okuphucukileyo, okuzinzileyo kwithuba elide kwaye wongeza wathi: “Ziindaba ezimnandi kunye nokuqinisekiswa komsebenzi owenziwa liqela kwa-Eskom.”

Izicwangciso zolondolozo zijolise ekunciphiseni iziganeko zokukhubeka kweeyunithi ezivelisa umbane ngokwazo kunye nokuphucula ukusebenza.

Wongeze ngelithi bobabini u-Eskom kunye nesebe lakhe abazukubonisa kuyekelela ukuya phambili.

UKgosientsho uthi La mangenelelo bawazisa ngethuba bengena esikhundleni emva kokuba uMongameli echongile wahlala neqela, bacinga ukuba eyona ndlela ingcono yokuphuma kule meko, kukuqinisekisa ukuba olu tyalo mali balwenza kula macandelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
26.4 ° C
26.4 °
26.4 °
23 %
5.5kmh
66 %
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
12 °
Wed
23 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks