UMphathi weNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS), uFreeman Nomvalo, ubhengeze ukuqaliswa kwamanyathelo asemthethweni okushenxisa ababoneleli-nkonzo abane (4) abasilelayo ukubhatala abafundi izibonelelo zenyanga.
Amaqumrhu aquka i-Ezaga Holdings, iCoinvest Africa, iNarraco Corporation kunye neTenet Technologies abachongelwe ukuhlawula abaxhamli beNSFAS phakathi kweempazamo zobugcisa kunye neentlawulo zebhanki ezixabisa kakhulu.
Oku kupheliswa kwekhontrakthi kulandela iingcebiso ze-Werksmans Attorneys, ezifumanise ukuba aba baboneleli-nkonzo baqeshwe ngokungekho-mthethweni.
UNomvalo uthe ngoku iNSFAS izakujongana neentlawulo ngqo kubafundi.
Uthe iza kusombulula iingxaki ezijongene ngqo nabafundi. Olunye udushe oluthe lwenzeka kwiikhampasi nakwiikholeji zeTVET ingakumbi, ibiyimiba apho abafundi beyazi ukuba imali ingenile, ibonakale kwiakhawunti yabo, emva koko imali iphelelele emehlweni.
Wongeze ngelithi, okanye ngenxa yesizathu esithile, kuya kubakho ukungangqinelani kweentlawulo eziqatshelwe ngabafundi, ze zenze abafundi bangonwabi yile meko.
By Anita Qubula.

