Lentetha yemmo yedolophu ibibanjelwe kwibala legalufa kumhlaba waseSajonisi, ngoLwesine umhla we-23 kuCanzibe 2024 kwaye uzinyaswe ngamagosa omasipala, orhulumente kunye nabaphathi bamashishini asePort St Johns, kuquka nesigqeba sikaSodolophu.
Kwintetha yakhe, uphawule ukubaluleka kokusebenzisana noluntu ukuze iinkonzo ziye eluntwini. Ethetha enyembezana uSodolophu, nanjengoko ubuso bujonge emnyango kuba kaloku ixesha lokubeka phantsi iintambo lifikile.
USodolophu uCingo uthe: “Sisebenzisene kakuhle noluntu lwaseSajonisi, oogxa bam, sisebenzisana nooCeba abaphuma kumaqela ohlukileyo ukuze siphuhlise ledolophu.” “Ndiyabulela kakhulu ngako konke enindifundise khona, ngethemba ukuba noza emva kwam niyakumamkela kwaye nimxhase nanjengoko benenzile kum” utshilo uSodolophu uNomvuzo.
USodolophu uCingo, kwintetho yakhe yobume bedolophu kwiveki ephelileyo uthe, phaya ePort St Johns eBambisana bakhe isibhedlele esihle esizakuthi sincedise uluntu ngeengxaki zempilo abathi bahlangabezane nazo, ukwenzela ubomi boluntu basePort St Johns lube lula kwaye abantu babesempilweni esemgangathweni.
Kwezinye zezinto azibaluleyo usodolophu kukuba bengumasipala baye bakha iholo yoluntu kwawadi-3 kwaye nakwawadi-7 umsebenzi wokugqibezela iholo yoluntu lwala ngingqi uyaqhuba.
Usodolophu ukwathe nangonga urhulumente wayethembisa ngokwenza iibhulorho kweliphondo leMpuma Koloni, uthe umsebenzi wokwenza ibhuloro ezingamashumi amane ezikwinqubo yokwakhiwa, ziliqela noko esezigqityiwe okanye ezikwinkqubo yokugqitywa phaya ePort St Johns. Kwaye ngenxa yeenzame zabo zokufuna unika uluntu iinkonzo, kwezibhuloro zingamashumi amane zilishumi ezizakwakhiwa eMapondweni.
Uthe phaya ePort St Johns, iwadi nganye inebhuloro ezintathu, kwaye umsebenzi uyaqhuba.
Xa evala intetho yakhe uSodolophu ubongoze abahlali basePort St Johns ukuba bazame ukunyamezela iinzame zingamasipala nangona iimeko abaphila phantsi kwayo ingentlanga kodwa uyacela ukuba uluntu lube nesineke lusebenzisane namagosa omasipala, udushe oluthanda ukuqhambuka phambi kokuba kuqhube iiprojekthi zokuphucula imo yentlalo luphele abantu babambisane basebenze ngendlela efanelekileyo.

