UAbram Sello uhamba phambili kubantu abafuna shushu ukuthenga iqela lebhola ekhatywayo.

Abalandeli bebhola ekhatywayo bajonge ngamehlo abomvu ukuba iyakuzala nkomoni na ekuthengisweni kweSwallows.

IPremier Soccer League inqwalile ngokuba lingathengiswa iqela elidala loMzantsi Afrika iMoroka Swallows nelaziwa ngeziteketiso ezifana nezi, Izinyoni zaseDube, Abafana Bomthandazo. Eliqela nelalisaziwa njengeqela laseSoweto eDube lizakuthengiselwa umnini qela weMarumo Gallants, uAbram Sello.

IBahlabane Ba Ntwa liqela elikuMotsepe Foundation League lilo elihamba phambili ekufuneni ukuthenga eliqela. Emva kwesivumelwano phakathi kwalamaqela mabini (2) ngemali eqikelelwa kumashumi amane nezigidi zerand (R40m) bekulindwe nje ukuba iPSL ide inqwale intloko.

Akukaziwa nokuba uSello xa ede walithenga eliqela uyakulitshintsha igama ukulifanisa neli analo elikudidi lokuqala kwisizini na okanye lihlale lisaziwa njengeSwallows.

USello onguSomashishini nokwangusoKhemesti ayinguye yedwa onxanelwe ukulithenga eliqela, uLawremce Malaudzi weTshakuma Tsha Madzivandila ngomnye obekhe waneengxoxo neSwallows ebonisa umdla wokulithenga eliqela. Nayo iCape Town Spurs ikhe yabonakalisa umdla kodwa khange uyendawo.

Nosihlalo weMaritzburg United uFourok Kadodila uye wabonisa indlela ayilangazelela ngayo into yokuthenga eliqela kwangethuba kuqala ukuvakala kweendaba zokuba iSwallows iyathengiswa. IMaritzburg United idlala kuMotsepe Foundation League.

Kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo iTeam of Choice ibonise ngamandla umdla wokubuyela kwiDSTV Premiership ngenjongo zayo zokuthenga eliqela.

Kusezakucaca ukuba ingaba ngubani ozakude abe uphumelela ekuthengeni eliqela leeNyoni zaseDube.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
23.5 ° C
23.5 °
23.5 °
57 %
3.6kmh
86 %
Sun
24 °
Mon
23 °
Tue
23 °
Wed
31 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA