Ubanjelwe ukuphanga ibhanki umrhanelwa owayegwetyelwe ukuphanga ibhanki eNtshona Koloni,

Ubanjelwe ukuphanga eGqeberha umphangi weBhanki owaagwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu entolongweni eNtshona Koloni.

Isithethi sebutho looKhetshe uYolisa Mgolodela uthi uSinako Magi oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu ubanjwe ngoLwesibini wavela phambi kwenkundla entsha yomthetho eGqeberha.

Uthi ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyeNkanga ngo2021, uMagi kunye nogxa wakhe bangena kwisebe lakwaABSA eGovan Mbeki Street eCentral, bezenza abathengi.

UKapteni Mgolodela uthi kutyholwa ukuba omnye wabo uye wamnika incwadi emxelela ukuba anikezele ngemali ekwidrowa yakhe ukunqanda ukwenzakala okanye ukufa.

Uthi lo wasetyhini osebenza ebhankini uye wanikezela ngemali engaphaya kwe-R27 000 eyayikwidrowa yakhe.

Ityala likaMagi eGqeberha lihlehliselwe umhla wesixhenxe kule nyanga yeNkanga ukuze akwazi ukumelwa ngokusemthethweni.

Lowo atyholwa naye usagcwele amathafa.

NgoMeyi ka-2022, uMagi wavela kwiNkundla kaMantyi eBellville eKapa emva kokuba eyayanyaniswa nokuphangwa kweebhanki ezisibhozo kwisixeko ngokubanzi.

UMagi wasebenzisa indlela efanayo ngokungena nje eBhanki efuna imali.

Ubekwe ityala lokuphanga exhobile eStandard Bank nakwiBhanki yakwa-Absa eBellville, Gugulethu, Elsiesriver, Keinvlei naseKuilsriver.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA