Ityala laseEnyobeni lizakuqhuba kwinkundla kamantyi waseMonti ngomhla wamashumi amabini anethoba kuNovemba
Abanini beTavern iSiyakhangela kunye noVuyokazi Ndevu baye bama kule veki benika ingxelo yabo ngeziganeko ngobusuku bokubhubha kwabantu abatsha abangamashumi amabini ananye kwithaveni yabo kweyeSilimela kunyaka ophelileyo.
Enikela ubungqina kusuku lwesibini ngoLwesithathu, uSiyakhangela Ndevu, ucele uxolo kubazali bamaxhoba asakhulayo angamashumi amabini ananye.
Ukwathe xa ecela uncedo ngobusuku besiganeko, amapolisa amjikisa engafuni nokuba ancedise kuqhushululu lwamakhulu ngaphandle kwethaveni yakhe eyayisandula ukulungiswa.
Kusenjalo, uphando malunga nokuba ngoobani na abafanele ukugwetyelwa ukufa kwabantu, luqala kwinkundla yamatyala eMdantsane ngoLwesine.