By Siphiwo Boqwana.
Abantwana bezikolo ezohlukeneyo bephondo leMpuma Kapa bebephume ngobuninzi ukuya kuzikhethela ikamva labo lempumelelo kwimfundo ngethuba bekusenziwa ucweyo lamakhono abanokuwakhetha xa bephuma kwibanga leshumi. Lo msitho ububanjelwe kwiholokazi elingubhazabhaza bubukhulu ngoLwesibini ezintsukwini umhla wamashumi amabini anesine (24) kwiholo iChristian Centre e-Abbortsford eMonti. Lo msitho ubuququzelelwe ngumbutho ongajonganga nzuzo iDeborah Generations.
Umququzeleli walomcimbi nobubaluleke kakhulu kwikamva labantwana, uvakalise ukubulela okungazenzisiyo ngethuba esenza intetho yokuvala lomcimbi obuyimpumelelo engummangaliso, encoma ekwatyibela abathe banika inxaso engagungqiyo.
UDokotela ubambe ngazo zozibini kwabo bathe basikwa yinceba nemfesane ngokuzincama baqinisekise ukuba wonke lamntu ebezalise elaholo uyakufumana okuya ethunjeni, iholo eli belime ngeembambo ingumbo nomxesibe.
UDokotela Mandondo ukwavakalise ukuba kwaholo elo libiza ka ngangamashumi amahlanu amawaka (50 000) kodwa uye wahlawuliswa amawaka amahlanu (R5000) eerandi kuphela. Ugqirha uncome nabo bebeyokubonisa abantwana ngamakhono abanokuwathabatha ukulungiselela ikamva labo kwezemfundo ngokuzidina bachithe ixesha labo imini yonke bezokwakha ikamva labantwana.
Sikhe sathetha nabantwana ukuzama ukuva ukuba baziva njani ngelithuba balinikiweyo lihle kangaka, nokuba bafunde ntoni ngalemini. UKuhle Ngakubi wesikolo saseDutywa iKanana Academy uthi ufunde into eninzi kulomsitho watsho ebalula ukukhetha into ngothando, hayi ngokuva ukuba kwenziwa ntoni okanye ngobani abayenzayo nokwazi abantu abakwelo candelo kodwa wena ube ungayithandi.
“Mna ndifunde ukuba phambi kokuba ndithathe isigqibo ngesakhono endifuna ukusilandela mandenze uphando olunzulu, kwakhona umceli mngeni esibanawo thina singabantu abatsha kukubhideka nokungaqondi ingakumbi xakufikelelwa ekukhetheni izifundo omawuzikhethe nozakuzifunda ude uyokupasa ugrade 12.”
UEndinakho Daza naye ofunda ibanga le-12 kwisikolo esiseDutywa kweliphondo leMpuma Kapa iKanana Academy uvakalise ukuba ufunde kakhulu ngecandelo lezempilo nebekubonakala ilelona libekwe phambili kuleCareer Expo.
“Ndize apha mna ndizixelele ngecandelo lezomthetho eyonanto endiyithandayo, nangona kunjalo izifundo zam endizenzayo esikolweni zizifundo ezoyame kwicandelo lezenzululwazi. U-Endinako ukwavakalise ukuba lo msitho unje ubaluleke kakhulu kubafundi kuba ininzi into abanokuyifunda kakhulu.”
Umfundi wesikolo saseScenery Park nofunda kwisikolo iQaqamba apha eMonti, yena uthi ufike ezazi ukuba ebengumfumdi onomdla wokuba ngusomajukujuku okanye udokotela kungenjalo abe yinjineli.
“Ndifumanise ukuba kufuneka ndenze uphando kuqala khona ukuze ndifumane ulwazi oluphangaleleyo ngento endifuna ukuba yiyo. Ngoku nam ndingakwazi ukuxhobisa abanye abafundi abangakhange beze apha.”
Kulo msitho singabalula phakathi kwabo bebezokucacisela ababafundi ngezakhono, bekukho inkampani yakwa-Old Mutual, iSebe lezeMpilo ebuRhulumenteni, iDyunivesiti yaseFort Hare, iCandelo loGqirha bamaZinyo, abezoNyango oluKhawulezileyo, iSebe lezaBasebenzi, uvimba wezezimali ozimeleyo uStandard Bank, iLilitha esiSikolo soQeqesho looNesi kananjalo namacandelo eeNjineli ngokohlukana kwawo.