By Buhle Nomgalasa.
UMongameli Ramaphosa uthe nangona bejonge ukuva amazwi abantu belizwe abangaphezulu kwezigidi ezingamashumi amathandathu anesithathu (63 million) nango kwemibutho ngemibutho eyahlukeneyo, iindleko kuya kufuneka zithotywe.
Umongameli uCyril Ramaphosa eKapa uthe uyalele abaququzeleli beNgxoxo yeSizwe ukuba banciphise ixabiso eliqikelelwa kwi-700 yezigidi zeerandi.
URamaphosa uthe uyayazi ukuba uninzi luzinze kwiindleko kunento efunwa yingxoxo.
Ephendula imibuzo kwiBhunga leSizwe lamaPhondo (NCOP) ngoLwesithathu, uRamaphosa ukwathethelele ixesha elithathiweyo ukuyisusa le ngxoxo, eqale wazibophelela ukuba iza kuqhubeka kwiintsuku ezilikhulu (100) kusekwe uRhulumente woManyano lweSizwe (GNU).
Ukusukela ngomhla wokuqala woSuku loXolelwaniso ngenyanga yoMnga kunyaka ophelileyo, iNgxoxo yeSizwe ngoku iza kuqalisa ngeyethupha.
UMongameli Ramaphosa uthe nangona bejonge ukuva amazwi abantu belizwe abangaphezulu kwezigidi ezingamashumi amathanda anesithathu (63) nango kwemibutho nemibutho eyahlukeneyo, iindleko kuya kufuneka zithotywe.
“Ndingatsho ukuba ixabiso lemali elikhutshwe kuluntu, siya kuqinisekisa ukuba liyathotywa. Luqikelelo nje. Siza kuqinisekisa ukuba sichitha imali encinci kangangoko kunokwenzeka.”
Ecela umngeni nguRikus Badenhorst weDemocratic Alliance (DA) ngokusilela ukubambelela kwisithembiso seentsuku ezilikhulu, uRamaphosa uthe zininzi izinto ezithintele oku kuquka nemfuneko yokuba kuqaliswe uhlengahlengiso lwezakhiwo.
“Ewe, siphose ithagethi ngezo ntsuku ezilikhulu (100) kodwa into esiye sakwazi ukuyenza kukuqalisa ungenelelo olunentsingiselo oluqala ukuhambisa inaliti.”
Akukacaci ukuba iNational Dialogue iza kusingathwa leliphi isebe.