By Nyameka Lamani
Usomashishini uBrown Mogotsi wenze amabango awothusayo okuba umkomishinala wamapolisa KwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi kunye neKumkani yamaZulu uMisuzulu kaZwelithini basebenza njengeentlola zikarhulumente waseMelika ingakumbi i-arhente yezobuntlola(Crime Intelligence Agency-CIA) kwikomishini kaMadlanga namhlanje,umhla weshumi elinesibhozo(18)kweyeNkanga.
Udize ukuba bakhusela iimfuno zamazwe angaphandle kweli loMzantsi Afrika eziquka umgodi wamalahle ase-Israel oseRichards Bay,ngenxa yetyala eliqhubayo phakathi koMzantsi Afrika ne Israel malunga neGaza.Nangona kunjalo, ngethuba ebuzwa uMogotsi uvumile ukuba akanabo ubungqina obuxhasa amabango akhe, nalapho usihlalo wekomishoni, uJustice Mbuyiseli Madlanga, awachithile ngelithi ngamarhe.
UMogotsi ukwachaze ngemvelaphi yakhe kwezobuntlola, ekhankanya ukuba wangena kuMkhonto weSizwe ngo-1993 waza wasebenza kwi-counter-intelligence de kwaba ngu-1995. Kamva wabayimpimpi yamapolisa kunye “agent yonxibelelwano(contact agent)” ngo-2009, enoxanduva lokulawula ezinye impimpi kwiCrime Intelligence.Nangona kunjalo, ikhomishini ibingekho kwizityholo zeCIA kodwa ibikukubandakanyeka kukaMogotsi ekubanjweni kombuso nokusetyenziswa kakubi kobuntlola bamapolisa.
UMkhwanazi ungqinile ukuba uMogotsi umnike amaxwebhu ayimfihlo asebupoliseni nangona ebengeyompimpi ibhalisiweyo.Le komishini iye yanikezela ngemiyalezo kaWhatsApp ebonisa unxibelelwano phakathi kukaMogotsi noVusumuzi “Cat” Matlala, uMogotsi atyholwa ngokuncedisa ngokudlulisela ulwazi mhlawumbi nemali kumphathiswa wamapolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu. Ngenxa yoku, le komishoni iphanda ngezenzo zikaMogotsi nokuba zibe negalelo kusini na ekwenzeni amapolisa abe buthathaka nokusetyenziswa gwenxa kobuntlola ukuze kuzuze yena okanye ezopolitiko.

