By Esona Magawana
Umbutho weAfrican Transformation Movement (ATM) uligxeke kabukhali iSebe lezeMfundo eMpuma Koloni kulandela isigqibo seSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (NDBE) sokubamba inqanaba lesine le-Education Infrastructure Grant (EIG), exabisa iR529.8 yezigidi zeerandi. Ngokwe-ATM, ukubanjwa kwemali kusisiphumo sokungaphumeleli kwesebe lephondo ukuthobela uMthetho iDivision of Revenue Act (DORA) 2025, ukusilela okuthe kwakhona kubhentsise ulawulo gwenxa olungapheliyo ngaphakathi kwenkqubo yemfundo yephondo.
Lo mbutho uthi esi sigqibo sigxininisa intsonkothe yeziseko ezingundoqo zezikolo, njengoko abafundi beqhubeka nokunyamezela izakhiwo ezingakhuselekanga, amagumbi okufundela azeleyo, kunye nokungabikho kweenkonzo ezisisiseko. I-ATM ibalula ukuba imeko yemfundo yaseMpuma Koloni inzima kwaye isasazeke ngokubanzi, njengoko amagumbi okufundela angaphezu kwe-1,000 athathwa njengangakhuselekanga kwaye phantse i-40% yezikolo ziswele izinto ezibalulekileyo ezifana nombane kunye namanzi ahambayo.
Ingxinano isengumceli mngeni othe gqolo, kukho amagumbi okufundela ahlala abafundi abangaphezu kwamashumi amahlanu (50). Lombutho uthi esisenzo sijongela phantsi inkqubela yezifundo kwaye idala umoya wokuxhalaba kubafundi nakootitshala. Lo mbutho utyhola isebe lephondo ngokujikela imali kwiiprojekthi ezingagunyaziswanga, uchaza esi senzo njengento eyothusayo ebonakalisa ubunkokeli obugwenxa, ukungasebenzi kakuhle, nokungahoyi iimfuno ezingxamisekileyo zeziseko zophuhliso zabafundi.
Ukusabela koko ikubiza ngokuba kukungaphumeleli kwenkqubo, i-ATM ifuna uphando olubanzi malunga nokuphathwa gwenxa kweemali, kwakunye nophuhliso olukhawulezileyo lwesicwangciso seziseko zophuhliso esiselubala nesiphendulayo esibeka phambili iimfuno ezimandundu zezikolo zephondo. Lo mbutho ukwacela i-NDBE ukuba ikhawulezise ukukhutshwa kweemali ezibanjiweyo, iqinisekise ukuba zijoliswe kuphuculo lweziseko zophuhliso oluyimfuneko ngaphandle kokulibaziseka.Ugxininise ukuba “ixesha lokudlala ngekamva labantwana bethu maliphele,”.
Isithethi seATM kuzwelonke uZama Ntshona ubongoze iinkokeli ezingasifanelanga ukuba zirhoxe kwaye waqinisekisa ukuba umbutho ukulungele ukuhlanganisa uluntu ukuze lubuyisele inkqubo yemfundo yaseMpuma Koloni njengendawo yokhuseleko, isidima, nethuba kubo bonke abafundi.

