18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

UBULEWE ECELA UXOLO OBEHLELI NOMNTANA WAKHE.

UNomathemba Caroline Ntshiba uhlaselwe nentombi yakhe ngeCawa, uAkhona, kwindawo yase-Ibika eMquma kwidolophu yaseGcuwa.

Ngokwengxelo yosapho kufike umfana ongumakhelwana uVuyo Tengile nofike wenza isidubedube kwelikhaya. “Ngelixesha lesiganeko kwelikhaya bekukho umama welikhaya kunye nentombi yelikhaya, bazamile ukumqanda uVuyo bemxelela ukuba aphume ahambe. Kuvakala ukuba uye waphuma, khange kubelixesha lingakanani waphinda wabuya sele etyhiliza ucango ephethe nobhushi”.

Lentwazana yelikhaya izamile ukujijisana naye, lomfo kuthiwa ebezama ukukhulula lentwazana uthayithi ibimxibile kwaye kubonakala ukuba ebezama ukuzithathela kule ntombazana, uzamile ungenelela lomama enqanda, uVuyo kulapho axhaxhe khona lo mama.

Le ntombi yelikhaya ibone lomfana exhaxha umama wayo ngobhushi. Iye yaphuma ikhwaza abahlali ecela uncedo kodwa kwabe kungekho mntu uvelayo.

Kuvakala ukuba uVuyo uye wamlandela ephethe ebushu ugcwele ligazi lalo mama ngoku sele eleqe lentombi kubonakala ukuba ebesezimisele ukukhupha umphefumlo wesibini.

UAkhona ubaleke wafumana uncedo kuTata osekuhlaleni waze umrhanelwa wabaleka kodwa wabanjwa ngabahlali.

Le ntombi ishiyeke inenxeba entloko nasesandleni nanjengoko ebejijisana nalomfana. Umama u-Nomathemba khange asinde kwesisiganeko uthe wabhubhela kwindawo yesiganeko enamanxeba okuxhaxhwa.

Umbutho weEFF uthe uzakunika inkxaso kolusapho de kube kanti olusapho lufumana ubulungisa.

Umfana lo useluvalelweni uthe wavela enkundleni ngoLwesibini kwaye uzakuvela kwakho enkundleni ngomhla we-27 August 2024 eGcuwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks