By Anita Qubula.
UMasipala waseBuffalo City uyalwamkela inyathelo elikhawulezileyo lenkonzo yamapolisa oMzantsi Afrika elikhokelele ekubanjweni kwendoda etyholwa ngokuba izinto zikamasipala ezixabisa amakhulu amahlanu amawaka (R500 000) eerandi.
Ubusela nokonakaliswa kweziseko ezingundoqo zamanzi nogutyulo kuMasipala oMbaxa waseBuffalo City kule minyaka mithathu (3) idlulileyo kudle abahlawuli berhafu ngaphezu kwe-R77 million njengoko amasela ejolise kwiinkqubo zogutyulo, imibhobho, iinxalenye nezixhobo.
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathandathu anesibini (62) ubudala ujongene nezityholo zokuxoka, ubusela kunye nokoyisa ubulungisa emva kokutyholwa ngokuba impahla kamasipala exabisa amakhulu amahlanu amawaka (R500 000).
Ngokwengxelo yamapolisa, kutyholwa ukuba ngeCawe umhla we-11 kweyeThupha malunga nentsimbi yesibhozo (20:00) amalungu aseScenery Park ebesenza umsebenzi wawo wokugada adibane nabarhanelwa bexakekile besiba ucingo olujikeleze lo masipala wamanzi. Abarhanelwa babaleka bebona isithuthi samapolisa.
Izinto ezahlukeneyo ezifana neePlyers, Bushcutters kunye neBakkie ye-Isuzu ldv bezishiywe ngasemva kwindawo yexhwayelo. Zonke izinto eziquka i-Isuzu zithathwe ngamalungu aseScenery Park.
Ngokwengxelo yamapolisa kuye kwaqhubeka uphando kwaze ngomhla we-12 umnini wale Isuzu wabika ngetyala lokuxhwilwa kwemoto eMdantsane 12/08/2024.
Ngokwengxelo yamapolisa, igosa eliphandayo kunye nelungu le-VCIU baye banxibelelana namadokhethi abo kwaye bafumanisa ukuba ixesha lokuxhwilwa kweMoto bubuxoki njengoko umnini watyhola ngelithi ukuxhwilwa kwesithuthi kwenzeke emva kokuba isithuthi sathinjwa kwindawo yexhwayelo eScenery.
Emva kwengxoxo noMtshutshisi woluntu oMkhulu kwinkundla yaseMonti umrhanelwa ubanjwe ligosa eliphanda ubusela, ukuxoka kunye noloyiso lobulungisa.
Le ndoda ineminyaka engamashumi amathandathu anesibini (62) ubudala izakuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseMonti ngomhla we22 kweyeThupha.
Umasipala ombaxa uthi wopha kakhulu ngenxa yokonakaliswa kwempahla, ukutshatyalaliswa kwepropathi kunye nokubiwa kweziseko ezingundoqo ezibalulekileyo.
Ifuthe lokonakaliswa kwempahla linefuthe ekunikezelweni kweenkonzo nto leyo echaphazela abantu bethu. Uthi banethemba lokuba oku kubanjwa kuya kuthumela umqondiso oqinileyo ngokuchasene nokuvuna iziseko zophuhliso zikaMasipala.
Umasipala ombaxa uthatha amanyathelo okhuseleko ukukhusela iziseko zophuhliso zethu. Oku kuye kwahlawula iiyantlukwano ingakumbi kumbane apho baye basebenzisana neenkampani zabucala zokhuseleko ukugada nokubamba aboni. Umasipala ombaxa waseBuffalo City ukwakhupha ubuxhakaxhaka obukwasisisombululo kwezinye zezi zenzo zolwaphulo-mthetho.
Ukwathe, nangona kunjalo nanjengoko kunzima ukubakho kuyo yonke indawo, ngamaxesha onke, bayayincoma impumelelo eyenziwe ngamapolisa ekujikelezeni nasekubambeni abantu.