19.4 C
King William's Town
Thursday, April 18, 2024

Ubumdaka bedolophu yaseQonce buphazamisa osomoshishini abazizamelayo.

UBUXAXAVITHI UBUXELEGU NOBUNYHUKUNYHUKU BUNDLANGILE KWIDOLOPHU YASEQONCE

Nozingisile Mnyanda ongumhlali kwilali yaseQhugqwala eQonce noneminyaka engaphezulu kwamashumi amabini ethengisa iziqhamo estendini kufutshane nobubugxwayiba uthi akaxolanga yinyhunyhu emdaka emnukisela mihla le ngenxa yezinto ezibonayo nezilahlwa ngabantu kulendawo.

Ucacise ngendlela echaphazela ngayo ishishini lakhe lenyhunyhu esithi “andonelisekanga tu yilendawo ngoba ndinukiselwa livumba elibi kwaye nabantu abathenga kum abasathengi kakuhle ngoba babona lendawo imdaka kwaye banukiselwa yilenyhunyhu bandishiye bayothenga kwezinye indawo ezingena vumba libi”.

Kulonyaka umiyo umasipala ombaxa ebebabonelele ngomgqomo omkhulu wokulahla inkunkuma ,oku kulandela uthotho lwezikhalazo ngobubugxwayiba nanjengoko lemo ichaphazela ishishini lakhe. Uqhubile esithi lomgqomo awenzi mohluko ngoba akhona amaxesha umasipala angafiki ukuzowulanda de agcwale kuphaphatheke izinto ziphaphathekela kwezizistendi kunyanzeleke atshayele rhoqo.

Ingxelo: Athule Mangena

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.4 ° C
19.4 °
19.4 °
58 %
3kmh
28 %
Thu
30 °
Fri
28 °
Sat
25 °
Sun
26 °
Mon
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks