32 C
King William's Town
Friday, January 24, 2025

UCapa uthe ngxe kusapho lomongikazi obulewe sisinqanda-mathe sakhe

UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, uthi wothukile kukuva ngesiganeko sokudutyulwa kukamongikazi, kutyholwa ngokuba sisithandwa sakhe esiligosa lezolwazi kwinkonzo zikaxakeka. UMphathiswa uthi esi sehlo senzeke ngeCawe umhla wesine kweyeThupha eMaxesibeni, eyayifudula iyiMount Aylliff. UMphathiswa uCapa uthi umfi uzinze kwikliniki yaseRode, ngelixa umfana ebesebenza kwiinkonzo zikaxakeka eMaxesibeni. Uthi isoka liziphendulele ngompu emva kwesi sehlo kwaye ukwimeko embi kakhulu esibhedlele. Bobabini bebengekho emsebenzini ngexesha lesehlo. UMphathiswa uthi bafuna ukuthumela uvelwano olunzulu kusapho lomongikazi. Esithi bakwanqwenelela iGosa leNgcaciso yabaThengi ukuba lichache ngokukhawuleza ukuze xa lithe lafunyanwa linetyala, lijongene nengalo yomthetho. Ukwathe babuhlungu sesi sehlo sibi sihluthe umsebenzi wezempilo ozinikeleyo. “Sixhalabile ngakumbi kukuba esi senzo sobundlobongela obusekelwe kwisini senzeka kule nyanga yamanina,” utshilo uMphathiswa weCapa. Uthe abasebenzi be-EMS ngabokuqala ukufika kwindawo yexhwayelo namapolisa afika kwakamsinya emva koko.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
32 ° C
32 °
32 °
35 %
3.7kmh
6 %
Fri
32 °
Sat
35 °
Sun
36 °
Mon
22 °
Tue
18 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks