16.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

UMphathiswa waseFreyistata uzakundwendwela indawo yomlilo yaseSasolburg.

UMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu eFreyistata kunye neSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (COGTA) uSaki Mokoena, namhlanje uza kutyelela ibloko yeeflethi eSasolburg kwindawo yexhwayelo lomlilo osube imiphefumlo emibini kulempelaveki.

Abanye abantu abathathu bafumana unyango esibhedlele. Lo mlilo kurhaneleka ukuba uqhambuke kwiiflethi zaseBoiketlong, eZamdela.

Nangona kunjalo, oyena nobangela walo mlilo usaphandwa.

UMokoena, ozakukhatshwa ngusodolophu womasipala waseMetsimaholo, uJack Malindi, uzakuthetha-thethana neentsapho ezichaphazelekayo.

ISithethi saseFreyistata kwezokuHlaliswa koLuntu kwa-COGTA, uZimasa Mbewu, uthi uMphathiswa wePhondo uxhalabile ngale nto yenzekileyo.

“U-MEC uyamkele impendulo ekhawulezileyo kunye noncedo oluthe lwanikwa abo bashiyekileyo. Ngexesha lotyelelo lwakhe uya kuba nakho ukunxulumana nabathathi-nxaxheba abohlukeneyo aze nesisombululo malunga nendlela abaza kuhlalisa ngayo abo bashiyekileyo begxothiwe. UMphathiswa uza kutyelela abo bakwizibhedlele ezohlukeneyo kwaye benyangelwa amanxeba ohlukeneyo.”

SourceSABC News

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
74 %
2.3kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
27 °
Sat
28 °
Sun
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks