By Nyameka Lamani.
Ngomhla wamashumi amabini anesibini (22), uMasipala waseEmalahleni ufumene iindaba ezibuhlungu zokusweleka koHloniphekileyo uCeba uXoliseka Bathandwa Lali, ObeyiNtloko yeSebe lezoPhuhliso lweZiseko zoPhuhliso kunye nokuHlaliswa koLuntu, ekwasebenza njengoMbhexeshi weBhunga.
UCeba uXoliseka Lali wafungiswa, wathatha ngo-2021 njengoMmeli oLungeleleyo weAfrican National Congress (ANC). ULali udutyulwe wabhubha eKomani apho ebehlala khona.
USodolophu uCllr Nontombizanele Koni uthe baphulukene nesicaka ebesizinikele ebesibenza ngokuzimisela kumasipala wase-Emalahleni. Icandelo lakhe belijongene ngqo nokuhanjiswa kweenkonzo. Uxanduva lwakhe njengoMbhexeshi weBhunga yayikukuqinisekisa ukuba umsebenzi webhunga uyaqhutywa njengoko bekucwangcisiwe ukuze kuxhamle uluntu.
“Sisothukile sesi sehlo simanyumnyezi kwaye singathanda ukucela ukuba sizole nangona kubuhlungu ukuphulukana nomfana osesandleni sokusebenzela isizwe. Olu lahleko libuhlungu kuthi singooCeba abasebenze naye ukusukela ngo-2021 kwaye njengeKomiti yesiGqeba, soze sifane kungabikho kwakhe”, utshilo uSodolophu uCllr Nontombizanele Koni.
“Sikunye nosapho emthandazweni wokuba kubanjwe abenzi bobubi abathe bangcungcuthekisa kakhulu thina nosapho lwakhe kwaye sizakuqhuba nemithandazo ukuze abenzi bobubi bavalelwe kwaye bajongane nengalo yomthetho. Sithumela uvelwano lwethu olunzulu kusapho, uluntu, oogxa bethu kunye nezihlobo ngeli xesha libuhlungu. Siyalibongoza uluntu ukuba lunike usapho ithuba lokukhala,” wongeze watsho uSodolophu Koni.

