Nangona uJulius Malema etyhale i-Economic Freedom Fighters (EFF) ngomzuzu wokugqibela ukuba ibe yinxalenye yoRhulumente woManyano lweSizwe – phantsi komqathango wokuba ungaquki iDA neFreedom Front Plus – uRamaphosa uye wenza isivumelwano nenkokeli yeDA uJohn Steenhuisen waze wanika iDA amasebe amathandathu.
I-DA ikwanikwe amasekela-baphathiswa abathandathu.
URamaphosa ubhengeze ukuba usekela mongameli uzakuba nguPaul Mashatile ngelixa inkokeli yeDA, uJohn Steenhuisen ezakuthatha isikhundla soMphathiswa wezoLimo.
URamaphosa uthe ukusekwa koRhulumente woManyano lweSizwe ngokwendlela ekuyiyo ngoku yinto engazange ibonwe kwimbali yedemokhrasi yeli.
“Kuye kwafuneka ukuba siqwalasele indlela yokuseka urhulumente omtsha ngendlela ephuhlisa umdla wesizwe, enika ingqwalasela efanelekileyo kwisiphumo solonyulo kwaye isebenzise izakhono zombutho ngamnye,” utshilo uRamaphosa.
URamaphosa uthe kunyanzelekile ukuba kohlulwe izikhundla ezithile ukuqinisekisa ukuba kukho ujoliso olwaneleyo kwimiba engundoqo.
Udize ukuba isebe lezoMbane nezaMandla lizakudityaniswa, kwaye kuzakubakho isebe lezeziMbiwa nePetroleum. EzoLimo ziza kwahlulwa kwisebe lezoBuyekezo lwezoMhlaba noPhuhliso lwasemaPhandleni ngelixa isebe lezeMfundo ePhakamileyo lizakwahlulwa kwisebe leNzululwazi, ubuChwepheshe kunye noTshintsho.
Isebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko liza kwahlulwa kwisebe leeNkonzo zoLuleko kwaye akusayi kuphinda kubekho iSebe lezamaShishini kaRhulumente.
Oku kuza emva kweeveki zothethathethwano oluthe lwafikelela kuvuthondaba lokuba iDA kunye neANC zifikelele esiphelweni ngoMgqibelo emva kokuba kuconjululwe iingxoxo zonxunguphalo malunga nezikhundla zekhabhinethi.
Emva kokungafumani voti zingaphezulu kwamashumi amahlanu eepesenti ekhulwini (50%) kunyulo lukaCanzibe, iANC phantsi kukaRamaphosa iye yanyanzeleka ukuba ilawule uMzantsi Afrika neminye imibutho.




