ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni lizakusingatha kwaye lwamkele abathunywa baseJamani kwiNkqubo yabo yoTshintshiselwano.

ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni kulindeleke ukuba lisingathe igqiza laseJamani njengenxalenye yenkqubo yotshintshiselwano.

Abafundi abane baseSt John’s College eMthatha nootishala ababini baza kutyelela isikolo iNelson Mandela (NM) eBerlin. Ngokulandelayo, ootitshala nabafundi baseJamani baza kutyelela eMthatha ukuze bafumane ulwazi oluthe chatha.

Intsebenziswano phakathi kweSikolo iNelson Mandela kunye neKholeji yaseSt John ifuna ukukhanyisela isizukulwana esitsha malunga nembali kunye nobudlelwane phakathi kwamazwe amabini adlala indima ebalulekileyo kwi-Global North kunye ne-Global South.

Injongo kukulandela ekhondweni likaNelson Mandela lokukhuthaza ubulungisa kwezentlalo nokulingana kwihlabathi jikelele. Igosa lesikolo saseJamani iNelson Mandela School lithi injongo yesi sikolo kukubamba incoko enzima ngala mazwe mabini.

“Sinethemba ngenkqubo efana nale, kuba sinokuba nonxibelelwano lokwenyani kunye nencoko yokwenyani nabantu abavela kumazantsi ehlabathi kwaye sinokufunda omnye komnye,” utshilo.

Umfundi weSikolo iNelson Mandela uChris Langhans uthi, “Kukho abantu abaphuma kuzo zonke iindawo ehlabathini kodwa ukuze sibe neentlobo ngeentlobo, kufuneka silingane kwaye sisoloko sifunda ngokulingana. Le nkqubo ngumlinganiselo osebenzayo. Asinakuvele sifunde iincwadi okanye sibukele amaxwebhu athile kodwa (okwethu kukuqonda) ngenene imbono yokulingana.”

Umfundi waseSt John’s College uShantelle Sizani ukholelwa ukuba le nkqubo iza kumnceda nanjengoko iza kumbonisa imeko entsha.

“Ndiza kubuya eJamani ndibafundise (oontanga) endikufundileyo. Ndingunozakuzaku ngokuya eJamani,” utshilo.

Eli gqiza lizakuthi gqolo ukutyhutyha iphondo eliquka iPort St Johns, Qunu neMonti nalapho lizakube lithethathethana nolunye ulutsha ngemiba eyahlukeneyo yentswela-bulungisa.

SourceSABC News

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA