Udlwenguliwe ze wantlithwa ngepeki ngabafana abane(4) kuQoboqobo

Usapho lakwa Mokae kuQoboqobo luxhelekile kwaye luyinyama, sisiganeko sokubulawa ngokungenalusini komtwana wabo nobesaze ngobuso elizweni. UNontokozo Noxolo Mokae nobeneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ubudala(27) ubhubhe ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25 June 2023) emva kokugetyengwa kwakhe ngabafana abathile.

Ngokwengxelo yosapho, kumxeba obusiya kuPetros Majola weKhula Development Projects, nochaza ukuba umtwana udibene nokufa emva kwentsukwana ezimbalwa esandokuthweswa ngeSidanga sakhe. Kuvakala ukuba umtwana uye waxhwilwa ngalamadoda aziwayo ngoku, ze bamdlwengula. Akuphelelanga apho koko bonda ngaye ngepeki ngelifuna ukumbulala.

Ngethamsanqa uNoxolo akabhubhanga kwamsinya nangona ebeshiywe ethe tywa kuloo ndawo yexhwayelo, ntoleyo ekhokelele ekufunyanweni kwabarhanelwa.

UNoxolo ubhubhele esibhedlele kwaye ezizikrelemnqa kulindeleke ukuba zivele kwinkundla kamantyi eQoboqobo ngomso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA