Sisihlanu(5) sabantwana abangafumani sibonelelo seGrant ze abanye bangasazi kwa isikolo.

  • Balithoba(9) abantwana abangasifumaniyo isibonelelo semali kaRhulumente ze abahlanu kubo, bangawazi konke nkonke amasango esikolo oko bazalwa.Baxhomekeke kuncedo abalifana kwabanye basekuhlaleni abafundayo ukuze bakwazi ukubhala.

Itsha-ntliziyo neNkokheli yombutho ongenanto yakwenza noRhulumente uPetros Majola weKhula Development Projects ebetyelele kwilali yaseXhorha eHesha kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo eyokubona olusapho nolunabantu abalishumi elinanye(11)

Kolutyelelo uPetros ubizwe sisikhalo sesibini, nesingabazali bababantwana abalithoba, abanye kubo zange baya esikolweni ngenxa yokungabinazo izazisi.

Okubuhlungi kukuba abazali babantwana abaphangeli kwaye baxhomekeke kwisibonelelo somtwana omnye. Ukanti nabazali abanaso isazisi(ID) ntoleyo eyenza kubenzima mpela ukwenza isicelo sesibonelelo kwanokufaka abantwana esikolweni.

UPetros Majola ngokukhawuleza kwakhe, uye wakrweca uMpathiswa wezeMfundo uFundile Gade kuquka noMzali uTabisa Mayana Mondwayi ukuze kuncedwe olusapho.

Umama uneminyaka engamashumi amane anesithandathu(46) ubudala kwaye abantwana baphakathi kweminyaka emithathu (3) ukuya kwelishumi elinesine(14)ubudala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
18 ° C
18 °
18 °
91 %
1.8kmh
100 %
Sat
18 °
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA