By Esona Magawana
Amagosa aphezulu amapolisa aqinisekisile ukuba unjengele Dumisani Khumalo ubuyiselwe emsebenzini ngentseni yangoLwesine, emva kokugxothwa okwethutyana kwisikhundla sakhe ekupheleni kweyeSilimela emva kokubanjwa kwakhe.
UKhumalo wabanjwa kunye namanye amagosa amathandathu aphezulu kwiCrime Intelligence, wayetyholwa ngobuqhetseba norhwaphilizo olunxulumene nokuqeshwa kukaDineo Mokwele oneminyaka engamashumi amathathu (30)ubudala. UMokwele kuthiwa wayeqeshwe kwisikhundla esiphezulu nangona wayengenawo amava omsebenzi wobupolisa kwaye engakhange avavanywe kakuhle.
Kuyavakala ukuba ngelixa uKhumalo ebuyile, akakavunyelwa ukuba angene kwii-ofisi zeCrime Intelligence, njengoko oku kuyinxalenye yemiqathango yebheyile yakhe kwityala lakhe eliqhubayo.

