PHAMBI KOKUBA KUQALE UMHLANGANO WOKUXHOBISA NOKUCEBISA AMANINA IQALE YANGUMBHODAMO KWILALI YAKWATYUTYU EQONCE
NGU SIYA STOFILE
Uduntsu duntsu ka nam nawe uye wabonakala uvela kwilali yakwaTyutyu eQonce ngethuba usihlalo welali engacaci ukuba uyafuna kusini ukunikezela ngesitixo sokuvula iholo ngomhla weshumi elinesihlanu kule yeThupha.
Konke oku kwenzeke ngethuba umbutho ongajonganga nzuzo iSiyakhana nokhokelwa nguNosipho Mqombothi, ibambisene neBorder Rural Committee nebimelwe nguAsanda Nginase beyokubamba ingxoxo kulelali ejonge nokulwa nokuxhatshazwa kwezini kukho nabakwantsasana ukuzokuzimasa kulendibano.
Ingxelo ithi lendibano ibizakuthi ibekho ngomhla wesibhozo kule yeThupha kodwa usuku lwatshintshwa, kanti umyalezo awufikanga kubantu bokuhlala nalapho lemini ifike kuthencwee kukhala ibhungane eholweni labahlali. Lifikile inani elingapha kwamashumi amathathu ukuzokusabela, ivuliwe indibano ngomthandazo wagawula ewarhuqa okaMqombothi ecacisa unobangela wokuba babekanti baphakathi kwamanina ngolusuku ecacisa nendima edlalwa ngumbutho wakhe ngelithi ujongana namaxhoba athe ahlukunyezwa, uqhube esithi bakwafuna ukuba benze indawo ekhuselekileyo yamanina ukuze bakwazi nokuba bafundiswe imisebenzi yezandla ze kuncediswe abo balimayo ngenxa yokuba indlala ichaphazela wonke umntu ngeendlela ngeendlela.
OkaNginase ucacise mayela nombutho awumeleyo nongajonganga nzuzo iBRC ngendlela osebenza ngawo nalapho lombutho wasungulwa ukulwa ukususwa kwabantu kwimihlaba ngaphandle kwembuyekezo uthe ke bengulombutho bazakuzimisa ukuba bazakuxhasa amanina kangangoko ekulimeni nakwimisebenzi yezandla bazakufunda ukuzimela ngenqayi elangeni.