17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Bachongwe ngempumelelo bonke abathandathu ababhubhe kwingozi emasikizi.

Bachongwe ngokuyimpumelelo Abantu abathandathu ababhubhe kwingozi yemoto kuN2 ngaseTsitsikamma ngeCawe. Isithethi samaPolisa uColonel Priscilla Naidu uthi amaxhoba aphuma kusapho olunye ngaKwazakhele eGqeberha.

Bachongwe ngokuqinisekileyo ukuba umqhubi nguSandile Patrick oneminyaka engama-38 ubudala, isithandwa sakhe uZikhona oneminyaka engama-27 ubudala kunye namakhwenkwe abo amabini uKungane noAzingce Heleni abaneminyaka emithathu nomnye ngokulandelelana.

UColonel Naidu uthi abanye bachongwe njengomakhulu uNoyakhe oneminyaka engamashumi asixhenxe ananye noThembela onamashumi amahlanu ananye. Kusenjalo usapho lakwaHeleni beluhamba ngeMini Cooper olusingise ngakwicala leNtshona Koloni ngethuba lungquzulana ngqo nemoto yohlobo lweToyota Rav4, isiya kwicala leMpuma Koloni. UColonel Naidu uthi ngempembelelo, iMini Cooper yabhukuqa yatsha kwaye bonke abantu ababephakathi basweleke ngoko nangoko.

Abakhweli beRav4 yayingabakhenkethi abangamadoda nabasetyhini abafumana ukwenzakala. Ityala lokubulala ngokungenhloso liyaphandwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks