UMphathiswa weSebe leZempilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa uvakalise ukothuka kukudutyulwa kubulawe umongikazi sisinqandamathe sakhe esisebenza kwicandelo leenkonzo zikaxakeka eMaxesibeni ngomhla wangeCawa, 04 kwyeThupha 2024.
Kuvakala ukuba ixhoba belisebenza kwiziko leMpilo eRode logama isinqandamathe sakhe besixelenga eMaxesibeni.
Ingxelo ekhutshwe lisebe lezempilo lidize ukuba umrhanelwa udubule wabulala ixhoba ngaphambi kokujolisa umpu kuye azame ukuzigqithisa amafu. Ngawo lo mzuzu umrhanelwa ukwimeko engaginyisi mathe esibhedlele apho anyusa esehlisa incwina.
Ngethuba lesiganeko bebengekho semsebenzini.
Umphathiswa welisebe uNtandokazi Capa usigxekile esi siganeko.
“Sifuna ukudlulisa amazwi ovelwano kusapho lomongikazi. Sikwanqwenelela ukuchacha okukhawulezileyo kumrhanelwa, ukuba ufunyanwa enetyala ajongane nengalo yomthetho,” kutsho uCapa.
Umphathiswa uCapa ukwathe baxhalabe nangakumbi yilemeko yokuxhatshazwa kwamanina ingakumbi ngenyanga yamanina. Unike umyalelo kwisithili ukuba sityelele ngokukhawuleza usapho lwexhoba.