38.9 C
King William's Town
Wednesday, February 12, 2025

UMphathiswa wezoThutho eKZN ulumkisa abaqhubi beeteksi abangayithobeliyo imithetho.

UMphathiswa weSebe lezoThutho KwaZulu-Natal uSiboniso Duma uthi abo bangasithobeliyo isivumelwano sokuphelisa ingxabano yeminyaka emibini yoonoteksi bazakujongana nengalo yomthetho.

UDuma unxibelelane nemibutho yoonoteksi e-Ulundi nasePhongola ngeenjongo zokufumana isisombululo ekudala sikhona kulo mbhodamo. Kuthiwa olu qhankqalazo luqale ngenxa yokungoneliseki kwabo bangabanini nabaqhubi beeteksi, abathi bajongwe ngu-Operation Shanela, nto leyo eyakhokelela ekuvalelweni kweeteksi ngaphandle kweempepha-mvume.

UDuma uthi, “Sivumelene ngokomthetho ukuba sifuna ukwandisa umda wokuqinisekisa ukuba ishishini leteksi liba yindima ebaluleke kakhulu nasekufakeni igalelo kwi-GDP. Ukuba uyakhumbula, i-70% yabakhweli baxhomekeke kwezi teksi, ngoko ke kufuneka ithathwe njengeshishini elifanelekileyo kwaye kufuneka ithobele yonke imithetho yendlela. Nanini na xa sifikelela kwimvumelwano, bahlala bebambelela kwezo, kwaye ndicinga ukuba baya kwenza okufanayo apha. Ukuba wenza into engafunwayo, kufanele ukuba yenziwe kwinqanaba lokuthotyelwa komthetho, kwaye siza kubanceda. “

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
38.9 ° C
38.9 °
38.9 °
18 %
2.9kmh
1 %
Wed
39 °
Thu
26 °
Fri
25 °
Sat
27 °
Sun
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks