By Siphiwo Boqwana
Ubanyole elisweni abalandeli bebhola ekhatywayo omnye wabaphathi kwiqela loMzantsi Afrika iMamelodi Sundowns uFlemming Berg, nongummi waseBelgium, uFleming siSporting Director kwiqela leSundowns.
UBerg ubengathi uxhokonxa inyoka emngxunyweni wayo ngethuba evakalisa iimbono zakhe zokuba umgangatho webhola ekhatywayo eMzantsi ulingana namaqela asezantsi kwilizwe laseBelgium.
UBerg unamava kwibhola ekhatywayo njengomphathi kananjalo eneliso elitsolo ekuqwalaseleni isakhono sabadlali kwabakhulayo nasele bekhulile.
UBerg ulobele uSales noRibeiro kweliqela laMadawana. Nangona umbutho webhola ekhatywayo iPremier Soccer League ungomnye wemibutho ebekwa phezulu eAfrika nakwihlabathi kodwa yena uFleming Berg unezinye iimbono ngomgangatho weligi yoMzantsi nayibekela ezantsi.
UFleming usebenze iminyaka esixhenxe njengomntu ojongene nokulobela abadlali abanesakhono kwiqela elaziwayo eNgilane nakwihlabathi jikelele iChelsea. Uthi iPSL uyibeka ngqo kumgangatho webhola ekhatywayo neChallenge Pro League kwilizwe laseBelgium.
UFleming uzibandakanye neqela leSundowns ngonyaka ka2022 ngenyanga kaTshazimpunzi esuka kwisikhundla esiphezulu sophuhliso labadlali kumbutho webhola ekhatywayo yaseSweden ngeloxesha.
Ukufika kwakhe kwiSundowns uBerg uze noLucas Ribeiro Costa noArthur Sales besuka kuleligi isezantsi yaseBelgium ayifanisa neyePSL.
Ukhumbule ukuba uBerg ufumene izigxeko ngethuba lokuhamba kukaRulani Mokwena kwiSundowns njengomqeqeshi emva kwezityholo zokuba uqesha abadlali ngaphandle kolwazi lomqeqeshi. Omnye kwabadlali abaziswe nguBerg kwiSundowns uRibeiro udlala indima enkulu kwimpumelelo yeliqela lasePitoli kakhulu kunjalo nje.
IMamelodi Sundowns kulindeleke ukuba iqubisane neqela iMagesi kumagqibela kankqoyi weNdebe iCarling Knockout ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kulenyanga yeNkanga kumabala iToyota eBloemfontein kwiphondo laseFreyistata.
Kananjalo aMadawana kulindeleke athathe inxaxheba kwimidlalo yendebe entsha ebizwe ngeHome of Legends kwiphondo leMpuma Kapa kumasipala ombaxa iNelson Mandela Bay kwidolophu iGqeberha, letumente izakudlalelwa kumabala iNelson Mandela Bay ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kulenyanga yeNkanga ngoMgqibelo kulempela veki siyakuyo.