32.1 C
King William's Town
Monday, December 9, 2024

UMphathi weSAFA uDanny Jordaan ubanjiwe.

Uleli kwezimnyama izisele umphathi weSouth African Football Association uDanny Jordaan. Ujongene nezityholo zobuqhetseba nobusela obulinganiselwa kw-R1.3million.

Ngokwengxelo yeSOWETANLive ebezakuvela ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa ngoLwesithathu umhla weshumi elinesithathu (13) kweyeNkanga 2024, sitshilo isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uPhindi Mjonondwane.

UJordaan ufake amaphepha kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini ngoLwesibini umhla weshumi elinesibini (12) kweyeNkanga 2024, efuna ukuthintela ukubanjwa nokutshutshiswa kwakhe.

Unobhala kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini uWillem Wepener kaMornay Moolmaan ungqinile kwiSowetanLIVE ngoLwesibini ukuba lo mba sele ubhalisiwe kwaye kulindeleke ukuba uchotshelwe ngoLwesine.

Kwingxelo yakhe efungelweyo, uJordaan uthe ukubanjwa kwakhe kwachazwa ngomhla wesixhenxe kweyeNkanga kwigqwetha lakhe uVictor Nkwashu nguKapteni Magano.

“Uxelele igqwetha lam ukuba uzimisele ukubamba mna noMnu Hluyo ngokulandela lo mba ebewuphanda kwaye sele efumene nencwadi ezigunyazisa ukubanjwa kwakhe kwaye ufuna ukwenza amalungiselelo okuba siziswe ngoNovemba 13 2024.

UGronie Hlunyo oyiCFO yeSafa kunye noJordaan abatyholwayo kulo mba. Embindini weli tyala sisityholo sokuba aba babini bachithe iR1.3m yemali yeSafa ngaphandle kwesigunyaziso.

Isithethi sooKhetshe, uCol Katlego Mogale, uthi kukhutshwe izigunyaziso zokuba kubanjwe uJordaan, uHlunyo kunye nosomashishini oneminyaka engamashumi amane anesithandathu (46) ngentsasa yangoLwesithathu.

“Ezi zityholo zezokuba phakathi kuka-2014 no-2018, umongameli weSafa usebenzise ubutyebi bombutho ukuze azuze yena kuquka nokuqesha inkampani yonogada yabucala ukuze akhuseleke, inkampani yezoBudlelwane boLuntu ngaphandle kwesigunyaziso sebhodi yeSAFA.

UMogale uthe uphando olunzulu lolwaphulo-mthetho lwezorhwebo, noluphonononga ezi zityholo, luphumeze izigunyaziso zokuthinjwa nge (08) Matshi 2024 kwii-ofisi zeSafa apho kwathinjwa intaphane yezixhobo ze-elektroniki neefayile – okukhokelele ekubanjweni kwabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
32.1 ° C
32.1 °
32.1 °
38 %
1.9kmh
3 %
Mon
32 °
Tue
30 °
Wed
30 °
Thu
26 °
Fri
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks