12.5 C
King William's Town
Saturday, September 7, 2024

Ugalelekile eTurkey umqeqeshi omtsha weChiefs.

Nangona bekulindeleke ukubhengezwa kwalomqeqeshi umtsha weChiefs kodwa wazisiwe e-Europe.

Ugalelekile umqeqeshi omtsha weKaizer Chiefs kwelaseTurkey kwimpelaveki esiphuma kuyo, ngeCawa umhla wesixhenxe (07) kwinyanga yeKhala edibana okokuqala neqela lakhe elitsha.

Umqeqeshi omtsha weChiefs kulindeleke ukuba abhengezwe ngamakhosi ngokusesikweni namhlanje uMvulo umhla wesibhozo (08) kweyeKhala njengomqeqeshi omtsha weliqela. UNasreddine Nabi uzakube ethatha intambo kulowo ebesakuba ngumqeqeshi obambeleyo uCavin Johnson nowayekhe waqeqesha iqela elalisakuba kwiPSL iPlatinum Stars.

UJohnson sele evela kuba ngusekela mqeqeshi kaPitso Mosimane kwiqela lamaJiphethe I-A ahly. UCavin wayeqeshelwe ukuba akhokele uphuhliso labadlali kwiChiefs ukunikwa kwakhe kodwa ngoku sele bohlukene neqela kamakhosi. UJohnson wathatha intambo kuMolefe Ntseki nowathatha kuArthur Zwane.

IChiefs ineminyaka elithoba ingayazi indebe ukuba ibanjwa njani nokuba isuka njani. Omnye ofikileyo eTurkey ngumdlali waphambili weChiefs uAshly du Preez nobenga hambanga neqela ngenxa yokuhoya umonzakalo nawathi wawufumana ngethuba bedlala nePolokwane City xa kuphela isizini. UDu Preez nabanye abadlali abane bebeshiyeka ngasemva ngenxa yomonzakalo.

Abadlali abane abafumene umonzakalo nguGeorge Matlou, uMduduzi Mdantsane, uTebogo Potsane noDillon Solomons bona bashiyekile. UKhalil Ben Youssef Boatman Makroud bona bagaleleke ngoMgqibelo umhla wesithandathu (06) kule yeKhala.

Abanye abafana nosekela mqeqeshi uFernando da Cruze nomqeqeshi woonozinti uIlyes Mzoughy kwakunye noMajdi Safi bagaleleke neqela ngoLwesine umhla wesine (04) kule yeKhala kwiveki ephelileyo. Umqeqeshi omtsha weChiefs uNabi ebesakuqeqesha iYoung Africans kodwa ngoku ebeqeqesha IS FAR kwelaseMorocco.

IKaizer Chiefs ityikitye umdlali ebesakudlalela i-Orlando Pirates uBongani Sam emva kokuba eliqela lidlale kakubi kakhulu kwisizini edlulileyo laphelela kwindawo yeshumi kuluhlu lamaqela eDSTV Premiership kwisizini edlulileyo.

Nangona bekulindeleke abhengezwe lomqeqeshi kodwa Amakhosi angqinile ukuba ugalelekile, ze wadibana neqela lakhe elitsha iKaizer Chiefs yaseNaturena kodwa edibana nalo e-Europe.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
82 %
1.2kmh
97 %
Sat
12 °
Sun
17 °
Mon
13 °
Tue
21 °
Wed
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks