27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

Ugwetyelwe ukutshisa udade wabo owasetyhini eMpuma Koloni

Inkosikazi yaseMpuma Koloni igwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu (15) emva kokuvuma ityala lokugalela udade wabo ngesispirithi esine-methylated, yaza yamtshisa.

IGunyabantu lezoTshutshiso lithe uSinazo Mrwetyana oneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala ugwetywe kule veki kwiNkundla kaMantyi yaseNxuba (ebefudula iyiKaladokhwe) ngetyala lokuzama ukubulala.

Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthi uSindiswa Mrwetyana oneminyaka engamashumi amane ananye (41) ubudala usinde ngokulambisa kwesi sehlo kodwa watsha ngokumasikizi.

Uthe ngexesha lokugweba wavakalisa “uxolo” kudade wabo kodwa wathi umthetho mawuthathe indawo yawo.

Esi sehlo senzeke eLingelihle ngoNovemba ka-2023, apho aba bazalwa knye babenengxabano yokuthengiswa kwebhetri eyaqatsela.

UTyali uthi uSinazo uvumile ukuba ebesele utywala kumsitho wesintu kwangoko emini kodwa ebenganxilanga kakhulu ngethuba kuqhambuka ingxabano ekhayeni labo.

Uthe wagalela ispirithi kudade wabo kwaye xa bezamana ukujijisana ngomatshisi wawa phezu kwentloko kaSindiswa yamtshisa.

UTyali uthe kwityala lakhe, uSinazo uvumile ukuba izenzo zakhe bezingalunganga kwaye azikho mthethweni, ebonakalisa ukuzisola ngesimilo sakhe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks