Kubanjwe abarhanelwa abathathu (3) ngethuba amapolisa ehlangula indoda eyayixhwilwe eMpuma Koloni ngenjongo yokuhlawulela ngoLwesine umhla wokuqala (1) kuTshazimpuzi.
UCol Siphokazi Mawisa uthi le ndoda yaseTshayina ixhwilwe eQonce ngoMgqibelo ze kwafunwa intlawulo yeR350,000 nethe yahlawulwa ngumntakwabo-xhoba. Ukanti ubhuti wexhoba naye uthe waxhwilwa kamva kwaye akakafunyanwa okanye akhululwe.
UMawisa uthi amalungu aphantsi kwabecuphi baseMonti kunye neK9, ekunye namagosa okhuseleko abucala, baye basebenza balandela iinkcukacha ezithe zabakhokelela kumzi womnini weteksi kwindawo yasePalana, eMooiplaas, ngaphandle kwaseMonti.
Iingxelo zidiza ukuba bafumene ixhoba lingenawo nomkrwelo bathatha umpu, iibhokisi zembumbulu ezilishumi elinanye (11) kwiintlobo ezahlukeneyo, isefu nempahla ekurhaneleka ukuba ibibiwe.
Umkomishinala wamapolisa ephondweni uNjengele Nomthetheleli Mene uncome igqiza ngokufumana abarhanelwa kwisithuba esingaphantsi kweveki.
Eaithi njengokuba beqhuba nokuthomalalisa amatyala okuxhwila, ukubanjwa ngokukhawuleza kwabenzi bobubi kuthumela umyalezo wokuba amapolisa azimisele ukujongana nesi sibetho.