Kulindeleke ukuba uMongameli uCyril Ramaphosa enze intetho ephambili kwiNgqungquthela yeSizwe yezoThutho yokuqala eza kubanjelwa kwiZiko leeNgqungquthela laseGallagher eMidrand.
Le ngqungquthela yeentsuku ezintathu, ekulindeleke ukuba iqale ngoMvulo umhla weshumi elinesithandathu (16) kweyoKwindla, iza kuhlanganisa abenzi bezigqibo, abatyali-mali kunye nabaqalisi ukuxoxa ngeendlela zokwakha inkqubo yezothutho esebenzayo enokuqhuba ukukhula koqoqosho kwaye idale imisebenzi.
Isithethi sezoThutho uCollen Msibi uthe imiba ephambili kwi-ajenda ibandakanya ubunzima kwicandelo leechweba nelokuthutha impahla lelizwe, ukuhlaziywa kwenkqubo yoololiwe nabakhweli, ukuphucula ukhuseleko lwendlela kunye nokujongana nokusilela kweziseko zophuhliso.
“Sinethemba lokuba iziphumo zale ngqungquthela ziza kusinceda ngeendlela ezininzi. Inxalenye yayo kukulungelelaniswa kwemigaqo-nkqubo ngokwezibophelelo zethu kwicandelo, ubudlelwane obutsha phakathi kukarhulumente nabucala kunye nokuphuculwa kolungelelwaniso phakathi koorhulumente kunye nokukhawuleziswa kweeprojekthi zothutho eziphambili.

