UGwetywe iminyaka engamashumi amabini (20) uTata odlwengule umntwana wakhe.

INkundla yaKwaMaqoma, eyayifudula ikwinkundla yenqila eFort Beaufort, igwebe uSiyabonga Duma oneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala, iminyaka engamashumi amabini (20) kwezimnyama izisele ngenxa yokudlwengula umntwana oyintombazana weqabane lakhe oneminyaka elishumi elinesithathu (13) ubuncinci.

Esi siganeko senzeka phakathi kweyeDwarha ukuya kweyeNkanga ngo2022 , KwaMaqoma, eMpuma Kapa, kutyholwa ukuba ngenyanga yeDwarha ka2022, ngelixa ixhoba lalihlala nomama walo kunye nomninawa walo.

Umtyholwa oliqabane likanina wayesebenzisa obubudlelwane xa unina wexhoba esele iinyembezi zikaViktholiya.

Ixhoba ladlwengulwa izihlandlo ezininzi nguye ixesha elide, izehlo zisenzeka ebusuku nasemini xa umama wexhoba esele utywala. Umtyholwa kuthiwa wayegrogrisa ixhoba ngemela ngethuba embetha, emgrogrisa ukuba angaxeleli mntu, kungenjalo uyakumbulala.

Ixhoba laxela uxhatshazo kumzala walo, owathi emva koko waxelela amapolisa. Oku kwakhokelela kuphando olusesikweni kwaze kwabanjwa umtyholwa. Ulikhanyele ityala lokudlwengula. Nangona kunjalo, uMtshutshisi woMbuso, uAdvocate Tanduxolo Maxhaulana, uye waveza iingxoxo ezibambekayo, ecaphula ubungqina bexhoba kunye nobungqina obuxhasayo obuphuma kumangqina, kuquka umzala wexhoba kunye neengxelo zonyango.

Inkundla yafumanisa ukuba i-akhawunti yexhoba yoxhatshazo inokuthenjwa kwaye iyahambelana, kwaye ummangalelwa wagwetywa ngokusekelwe kubungqina obuninzi.

Inkundla igwebe ummangalelwa iminyaka engamashumi amabini (20) entolongweni, igxininisa ubunzulu bolwaphulo-mthetho kunye nokuba sesichengeni kwexhoba. Ixhoba lavunywa njengengqina elinobuchule, kwaye ityala laqhutywa kunye nezikhuselo eziyimfuneko ukuze kuqinisekiswe impilo-ntle yalo ngexesha lokuxoxwa kwetyala.

Esamkela esi sigwebo, uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uMnumzana Barry Madolo, uthe: “Eli tyala lisisikhumbuzo esicacileyo sokubaluleka kokukhusela abantwana bethu ekwenzakaleni ingakumbi kwabo baxhaphaza izikhundla ezithenjiweyo. Sinethemba lokuba esi sigwebo siza kuzisa umlinganiselo othile wobulungisa kwixhoba, kwaye sithumele umyalezo oqinileyo wokuba ubundlobongela obuphathelele kwezesondo, ingakumbi ebantwaneni, abusokuze bunyanyezelwe.”

Isigwebo sibonisa ubunzulu bolwaphulo-mthetho kunye nokuzinikela ekuqinisekiseni ukuba ubulungisa buyanikezwa kumaxhoba obundlobongela obuphathelele kwezesondo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.6 ° C
11.6 °
11.6 °
80 %
2.1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA