I-SAPS ifumene amathambo omfazi eSacramento Trail, e-Schoenmakerskop ngomhla wokuqala kweyoMnga 2024, malunga nentsimbi yethoba kusasa (09:00).
Kurhanelwa ukuba ngumzimba kaSilvia Wittal, oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala, owalahleka ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyoMnga 2021. Emva kokukhangelwa kwakhe okubanzi iminyaka emithathu, akazange afumaneke, kodwa uklufunyanwa kwalamathambo kwakutsha nje kunozisa uxolo kusapho lwakhe.
Inxalenye yentsalela, equka ukakayi, kunye nezinto zobuqu zikaSilvia Wittal, zafunyanwa. Uvavanyo lweDNA kunye nophononongo olongezelelekileyo lwentsalela kunye nempahla iya kwenziwa ukuze kuqinisekiswe ukuba ngubani lowo uswelekileyo.

