Akhululiwe amatsha ntliziyo eqela leli ebebanjwe ngu Mkhosi kaSirayeli

By Sophumelela Singqotha 

Unkosi-Mandla Mandela kunye neqela lamatsha ntliziyo eli ebebanjwe ngumkhosi ka Sirayeli basendleleni ebuyela kweli loMzantsi Afrika. Oku kulandela ukubanjwa kwabo kwiveki ephelileyo ngelixa bekwiphulo lokuzisa uncedo nenkonzo ezingu ndoqo kumaxhoba achatshazelwe yimfazwe eGaza.

 

Phezolo uRhulumente ka Sirayeli ukhuphe umyalelo osesikweni ukuba uzakuba khulula abemi  beli ebebeselugcinweni. 

 

UMphathiswa wesebe lemicimbi yamazwe ehlabathi (DIRCO) uRonald Lamola wenze umbulelo ongazenzisiyo kuwo onke amaqela achaphazelekayo, ngaphakathi nangaphandle, ngentsebenziswano nolungelelwaniso ekuqinisekiseni ukubuya kwabemi boMzantsi Afrika.

 

Usapho lwasebukhosini bakwaMandela luvakalise amazwi ovuyo nombulelo ongazenzisiyo ngenkxaso eluyifumeneyo ngethuba kusenzeka esisiganeko.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA