15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Ugxothiwe umsasazi woMhlobo Wenene FM uMfundisi uFaleni.

UMzantsi Afrika ingakumbi abalandeli nabaxhasi bakanomathotholo oyintanda ogama linguMhlobo Wenene, emva kokuthi ndii kweendaba zokugxothwa kwegqala losasazo uRev Faleni.

Oku emva kokuba umfundisi uFaleni ebekhe wanqunyanyiswa sesi sikhululo ngezityholo zokungqubana kwemidla kulandela ukufakwa “njengomntu onegalelo” kwinkqubo yesinye isikhululo iRadio Zibonele FM. Sikhululo eso esoseNtshona Koloni.

UFaleni ebephethe inkqubo yangeCawe ethi Imvuselelo noIsandulela Senkonzo, ugxothwe ngoLwesihlanu.

Intloko yezonxibelelwano kwaSABC noNdileka Cola, uqinisekise ukuba uFaleni ngenene ugxothiwe. Oku kungenxa yokwaphulwa kwesivumelwano sakhe sengqesho ngokutsho kwabaphathi.

“Ukuqinisekisa ukuqhubeka kuka-Imvuselelo, uNomonde Vakalisa uzakungenelela njengomsasazi de kuqukunjelwe ulwakhiwo olutsha lwale nkqubo,” utshilo uCola.

Ukanti ke naye umfundisi uFaleni ungqinile ukuba uyifumene imbalelwano ephelisa isivumelwano sakhe nesikhululo sosasazo uMhlobo Wenene kwaye ekwathi ufuna uluvo lwezomthetho ngalo mba.

Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo iqela lezopolitiko iEFF yaphakama isithi ayisamkeli kwaphela isigqibo sabaphathi boMhlobo Wenene sokunqumamisa uMfundisi kwaye besithi bafuna ukuhlala phantsi noManejala uLoyiso Bala khe kuxoxwe ngalenyewe kodwa ke xa kungoku kubonakala ngathi sele ithemba liphela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks